Kuthe qabu kwinkampu yeBafana Bafana

Kutsho kwathi qabu kwinkampu yeqela lesizwe loMzantsi Afrika emva kokuba liphumelele umdlalo okokuqala kwiCosafa Cup.

IBafana Bafana ivuthulule iNamibia ngamagowuli amane kwelinye (4-1) kumdlalo obumhle kakhulu ePeter Mokaba Stadium ngoLwesibini emalanga.

Impumelelo yeqela likaStuart Baxter iswabulule iimbuso zabantu belizwe emva kokubethwa yiMadagascar ngo’4-3 kumapenela kumdlalo wokuqala.

Emva kwemidlalo emibini, kuye kwanyanzeleka ukuba acacise indlela iqela lakhe elidlala ngayo. UBaxter usebenzisa imidlalo yeCosafa Cup njengeqonga elinokuthi lilole izakhono zabadlali anokuthi abasebenzise xa iqela lakhe lizama indlela eya kwitumente yezwekazi leAfrika ezayo.

NguLebohang Maboe odlakaze iNamibia ngamagowuli amabini athe kamva enza wangumdlali oqaqambileyo emdlalweni. Amanye amagowuli amabini afakwe nguSiyanda Xulu noAubrey Modiba ngepenela.

“Kula mdlalo wethu neMadagascar sadlala kakubi ngoba sasingenaye umdlali wasemva ekunene. Kwanyanzeleka ukuba sigobe uSiyanda Xulu ukuze adlale la ndawo. Kumdlalo wayizolo, iqhinga lethu lisebenzile ngoba umdlalo wethu ukwazile ukuvumela uModiba ukuba aye phambili. Sayinika umhlaba wokudlala iMadagascar – kodwa siye sayilungisa lo nto ngethuba sidlala neNamibia. Bekungekho sicwangciso sakudlalela ukungabethwa emdlalweni,” utshilo uBaxter emva komdlalo.

UMzantsi Afrika uza kudibana neBotswana kumdlalo oza kube usePeter Mokaba Stadium emalanga ngoLwesihlanu. Lo mdlalo ubonwa njengempinda yalowo owaphunyelelwa yiBafana Bafana ngo2016 kwiCosafa Cup.