Ayikho enye into ekuthethwa ngayo emdlalweni weqakamba eMzansti Afrika ngaphandle kwegama likaTemba Bavuma. Ingxaki kukuba akaqhokranga ngokwaneleyo ngethuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika lidlala kwiT20 World Cup esongwe kwiveki ephelileyo. Emidlalweni emihlanu egqithileyo, uBavuma ufumene imitsi engamashumi asixhenxe kuphela, kube kukho abadlali abenza umsebenzi ongcono kunaye. Umchongi weProteas, uVictor Mpitsang, ukuthethelele ukuchongwa kukaBavuma kunomdlali ofana noReeza Hendricks oqhube kakuhle kakhulu emidlalweni egqithileyo. “Ekugqibeleni kwayo yonke into, sinoKapteni ekufuneka simnike ithuba lokuzibonakalisa,” utshilo uMpitsang emva kokubhengeza amagama wabadlali abaza kuthatha inxaxheba emidlalweni yeqela lesizwe ezayo.
“Besingathanda ukubona uTemba enze umsebenzi obhetele kunalowo awenzileyo – kodwa ke unendima ayenzayo ebaleni njengenkokeli yeqela lesizwe. Kulilishwa ukungadlali kwakhe uReeza – kodwa siyanyanzeleka sisithathe isigqibo,” utshilo uMpitsang ekuqaleni kweveki. Konke oku kwenzeka emva kokuba iqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika liphoxe abantu abaninzi ngokukhutshwa yiNetherlands ngemitsi elishumi elinesithathu emdlalweni weT20 World Cup. Emva kokugaleleka kweProteas ebisuka eAustralia, uBavuma ubonakele njengomntu odangeleyo. “Enyanisweni, andicingi ngokuza kwenzeka kwitumente yehlabathi eza kube ise-India,” uthilo uBavuma ephendula imibuzo ngekamva lakhe kwiqela lesizwe.
UMalibongwe Maketa ngumqeqeshi wethutyana weProteas emva kokuhamba kukaMark Boucher. Njengokuba kukho yena, ikamva likaBavuma lixhomekeke kuye njengoKapteni weqela lesizwe. “Andifuni ukuthetha ngezinto ezingaguquka phambi kwetumente yehlabathi elandelayo. Zakuthi xa izinto zicacile, ndibenalo uluvo ulo ngokwenzekayo ngam kwiqela lesizwe. Ekugqibeleni, zange ndizichonge ngokwam ukuze ndibe nguKapteni. “UNkwe (Enoch) ngoyena mntu onegunya lokwenza iinguqu xa ebona kukho imfuneko,” utshilo uBavuma ophantsi koxinizelelo. “Xa iqela lingaqhubi kakuhle, imibuzo ibhekiswa kwinkokeli yalo. Kunzima kwicala lam xa sijonga indlela endidlale ngayo – kodwa ndonelisekile yindlela endilikhokele ngayo iqela. Kuyo yonke, sixhasene singabadlali beProteas.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10