Ude wafumaneka umntu oza kuqeqesha AmaZulu kwisizini entsha yeDStv Premiership. Oku kulandela isibhengezo esenziwe nguSihlalo waMaZulu, uSandile Zungu, esithi iqela lakhe liza kuqeqeshwa yindoda yaseSpain ekuthiwa nguPablo Franco Martin. Ukufika kwakhe uMartin, ophiwe igama lesiZulu elithi ‘Cijimpi’, kulandela inkqubo yokukhangela umqeqeshi eqingqithe iiveki ezimbini emva kokuba eshenxise uAyanda Dlamini athe akakholwa yindlela aqhube ngayo emva kokuthathela uRomain Folz obewantywilisela AmaZulu noxa ebethandwa ngumnikazi weqela. Akemtshanga uCijimpi ebholeni yaseAfrika ngoba ukhe waqeqesha iSimba SC, phambi koko ukhe waqeqesha iGetafe elizweni lakhe.
“Baliqela abaqeqehi abe befuna ukuqeqesha AmaZulu. Abaqeqeshi ebesinomdla kubo banamaqela akwiDStv Premiership abanye baseYurophu naseMzantsi-Melika. Usonwabisile umgangatho ophezulu wabantu esithethe nabo kwinkqubo yethu yokufumana umqeqeshi,” utshilo uZungu ongusomashishini ophume izandla eMzantsi Afrika.
“AmaZulu ayathandwa kakhulu kodwa ngelishwa, akonokuqeqeshwa nokuba ngubani. Emva kodliwanondlebe nabantu abaninzi, siye saphuma negama lomntu esicinga ukuba abadlali, abalandeli nabaxhasi bethu baza kumthanda. Loo mntu nguPablo ‘Cijimpi’ Franco Martin. Siyakwamkela Cijimpi,” utshilo uZungu ngorhatya izolo. UCijimpi utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu kwiqela laKwaZulu-Natal.
AmaZulu akakalufumani uzinzo kunanamhlanje, ukusukela oko agxotha uBenni McCarthy ongumqeqeshi weefolosi ngoku kwiManchester United yaseNgilane. UMcCarthy wawabeka kwindawo yesibini AmaZulu kwiDStv Premiership atsho adlala kwiCAF Champions League okokuqala kwiminyaka emibini edlulileyo. Kube nzima kakhulu emva koko. UBrandon Truter, uFolz noDlamini abakwazanga ukungenisa Usuthu kwiTop 8 kwisizini ephelileyo. “Uqeqeshe kwiindawo ezifana neKuwaiti, eTanzania apho ebesaziwa ngokudlalisa ibhola ekuthiwa yiSimba. Kanti uqeqeshile naseSpain iqela ekuthiwa yiGetafe. Kuyasivuyisa ubukho bukaCijimpi ngoba sinethemba lokuba wonke umntu othanda AmaZulu uza kuwuthanda umsebenzi wakhe,” utshilo uZungu ethethelela isigqibo sakhe.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis