Uhili ude waphuma ezingcongolweni. Oku kulandela ukubhengezwa kukaNasreddine Nabi njengomqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs ngempelaveki eTürkiye. Ukufika komqeqeshi omtsha kubonwa ngabaninzi njengesiqalo esitsha esijoliswe ekubuyiseni isidima seChiefs elilifa lezonyeliso ngenxa yokungaqhubi kwayo kakuhle.
UNabi (58) waseTunisia uthatha iintambo kuCavin Johnson okhonjwe emnyango emva kokuba oyiswe yiChiefs evale isizini ka2023/24 ihleli kwindawo yeshumi – into engaqhelekanga kuyo nokuba sekukubi kangakanani na.
Phambi kwakhe uJohnson bekukho uMolefi Ntseki owaqeshwa yiChiefs kuba ingafuni uNabi asebenza nabantu bakhe kuphela. Emva kokuba iAS FAR Rabat yaseMorocco ivale isizini, uNabi ude wadibana nabadlali beChiefs abasenkampini abazilolonga kuyo eTürkiye.
Uza kakubi eMzantsi Afrika ekatswe kabini nguJozef Zinnbauer owayekhe waqeqesha i’Orlando Pirates – kodwa ngoku oqeqesha iRaja Athletic Club evale isizini iziintshatsheli eMorocco. Nakubeni efike amalungiselelo wesizini eqalile – kodwa nguye intloko ngoku futhi yonke into iza kuqalwa nguye.
Kwiminyaka egqithileyo, uNabi uqeqeshe amaqela aliqela equka iAl-Ahli Benghazi. Al-Hilal, Ismaily, Al-Merrijh SC, iYoung Africans neAS FAR Rabat asuka kuyo ngoku. Phambi kokuya eMorocco, okaNabi uzenzele igama njengomnye wabaqeqeshi abanobuchule futhi okwaziyo ukwakha iqela elikwaziyo ukuthatha iindede.
Omnye wabaphathi beChiefs, uJessica Motaung, uzame ukucacisa isizathu sokukhethwa komqeqeshi omtsha. “Senze konke okusemandleni wethu ukuze sifumane umqeqeshi esicinga ukuba uyifanele iChiefs,” utshilo uJessica.
“Siqwalasele izinto ezininzi phambi kokukhetha. Besifuna umqeqeshi onolwazi futhi oqeqeshe amaqela alapha e’Afrika. Ngaphezulu koko besifuna umqeqeshi onokumelana nezinto ezifunwa yiChiefs. Besifuna umqeqeshi onxanelwe impumelelo nezinye izinto.
Siziqwalasele zonke izicelo ebezifakiwe. Siphume noNabi ngoba sicinga ukuba ngoyena mqeqeshi ofanele ukuqeqesha iChiefs esinethemba lokuba uza kuyithatha ayise kwelinye inqanaba. Mandivuyisane noKaizer Motaung Jr noBobby Motaung ngokukhetha uNabi,” utshilo uJessica obephehlelela iToyota Cup ngoMvulo.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM