Wamkelwe ngovuyo uSivenathi Nontshinga emva kokugaleleka kwakhe kwisikhululo seenqwelomoya samazwe ngamazwe eKampton Park ngoLwesibini kule veki. Oku kwenzeke emva kokuba ebethe uAdrian Curiel wanqandelwa kumjikelo weshumi emlweni obuseMexico ngempelaveki egqithileyo.
Ngalo ndlela, uNontshinga, 25, woxuthe itayitile ye-IBF junior-flyweight eyathathwa kuye nguCuriel owambetha kumjikelo wesibini kunyaka ophelileyo. Ukusukela kunyaka ophelileyo emva kokubethwa kwakhe, into ebisengqondweni kaNontshinga inye: kukubuyisa intshinga yakhe.
Ngethamsanqa kwabe kukho uTata wakhe noColin Nathan ecaleni kwakhe abaqinisekise ukuba iyenzeka lo nto kungaphelanga nonyaka. Yinto enkulu ukuba yintshatsheli kwakhona kuNontshinga – kodwa uthe kukho uchatha kweli tyeli ngoba uyeyona ntshatsheli yokwenene kwizwekazi le-Afrika lonke.
Nakubeni ukubethwa kwakhe nguCuriel kunyaka ophelileyo kwamdakumbisa – kodwa kubenalo ifuthe kumntu anguye ngoba uthi uyimbethimanqindi ebhetele gnoku kunakuqala.
“Ndiyayivuyela ngoku into yokubethwa kwam ngoba andisenguye ngoku umntu endandinguye. Ndikhulile futhi yiyo lo nto ndisithi umntu makakwamkele ukuwa ngokuziqhenya ngoba ikhona into oyizuzayo kuko,” utshilo uNontshinga ethetha neentatheli. Ubulele umqeqeshi wakhe, uColin Nathan, noxa ebengekho.
“Ndibulela uNathan ngoba usoloko esecaleni kwam. Ndathi xa ndandililela ukubethwa nguCuriel, wafika wathi uza kundiphakamisa kwakhona. Wathi kufuneka ndilibambe ithuba lesibini elizayo ngoba kuye ndiseyiyo intshatsheli yehlabathi.
“Kumnandi nokuvuyisa utata wam esaphila. Le ndlela ndayiqala naye. Andiqondi ukuba ikhona indlela ongonwabisa ngayo abazali bakho ngaphandle kokubenza baziqhenye. Ndonwabile kakhulu. Ukuphumelela akundenzi ndizigwagwise – kodwa kuyandivuyisa ukuphakamisela phezulu igama lelizwe lam,” utshilo uNontshinga obechwayitile.
Uvumile ukuba impumelelo khange ayifumane lula ngoba kuye kwanyanzeleka ancame ezinye izinto ahlale ejimni ixesha elide. UMnu. Mandla Ntlanganiso, oyintloko yeBoxing South Africa, umqhwabele izandla uNontshinga watsho emchaza njengembethimanqindi ekhaliphileyo.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM