Kutheni uBance ekhululwe yiChippa?

IiChilli-boys seziqalile ukucoca indlu yazo njengokuba kusondela ixesha lokuvalwa kwesizini ka’2015/16.

Ixhoba lokuqala kwiChippa United yifolosi eyaziwayo * -Aristide Bance. Kuvakele iindaba ezithi lo mdlali waseBurkina Faso ukhululwe leli qela emva kwexesha elide engabonakali ebaleni.

Umanejala weChippa United, uLuthando Zibeko, uthe akukho kuxabana phakathi kweqela nalo mdlali.

“Njengoko uDan Malesela enyuselwe wangumqeqeshi oyintloko, kuye kwacaca ke ukuba lo mdlali akakho kwizicwangciso zakhe. Yiyo lo nto simkhulule,” utshilo uZibeko izolo.

UBance udlale imidlalo elishumi elinesine kwiChippa, waze wafaka amagowuli amathathu kuphela.

IiChilli-boys zikwiphulo lokuqokelela amanqaku ukuze zifumane ithuba lokudlala kwiMTN 8 ekuqaleni kwesizini ezayo.

Umdlalo wokugqibela iChippa iza kuwudlala neKaizer Chiefs kwiveki ezayo.