Kutheni uBetway exhasa iPremier Soccer League ngeR900-million

USihlalo wePSL Chairman, uDr Irvin Khoza noLaurence Michel kaBetway baphehlele iBetway Premiership izolo. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Inkampani yokungcakaza, uBetway, ngumxhasi omtsha wePremier Soccer League. Oku kuvele emva kokuba uGqirha Irvin Khoza eqinisekisile ukuba ngenene uBetway uza kuba ngumxhasi wePSL. Kwiiveki ezigqithileyo, kubekho ukuxhalaba ebantwini bebhola emva kokuvakala kweendaba ezithe uDStv obexhasa iPSL ngaphambi uyarhoxa ngenxa yokungaqhubi kakuhle kukaMultiChoice kwicala lezimali.

Lo nto ithethe ukuthi izinto ziguqukile. Endaweni yeDStv Premiership, ngoku kungena iBetway Premiership emva kokutyikwitywa kwesivumelwano seminyaka emithathu.

Ethetha neentatheli kwintlanganiso ebiseGoli, uGqirha Khoza uthe ngamakhulu alithoba ezigidi zerandi (R900-million) ezityalwe nguBetway ebholeni yaseMzantsi Afrika ekwinqanaba eliphezulu. “Sinesivumelwano seminyaka emithathu. Imali esixhaswe ngayo nguBetway iphaya kuR900-million.

“Siyabulela kuDStv, ngoku sinomxhasi onguBetway” utshilo uGqirha Khoza ephendula umbuzo weentatheli ebezicgwelise indlu. Ingqonyela kaBetway, uMnu. Laurence Michel, ungqinile ukuba ngokwenene baza kuba ngabaxhasi bePremier Soccer League.

Kwangoko uMichel uzame ukulungisa izinto ngelithi uBetway uza kuyinika iPSL imali eyiR900-million. “Yimali enkulu kakhulu leya. Imali iza kungena ukuba isivumelwano sethu nePSL siyedlula eminyakeni emithathu. Okwangoku imali ingangaphantsi kweR900-m kule minyaka mithathu – kodwa ukuba iyegqitha, inkulu into ezayo.

“Sifuna ukuba ngumxhasi omkhulu ngoba le nto esingene kuyo ihambelana nomsebenzi kaBetway,” utshilo uMichel ethetha kwiSABC News. Akukacaci kakuhle ukuba iqela eliphumelele iBetway Premiership liza kufumana malini okwangoku.

Yona iDStv Diski Challenge exhaswa nguMultiChoice iza kuqhubela phambili njengesiqhelo kude kuphele iminyaka emihlanu yesivumelwano. “Eli lelona tyalomali olukhulu emidlalweni yaseMzantsi Afrika. Le nto igqamisa utyalomali olwenziwe nguBetway emidlalweni yaseMzantsi Afrika,” utshilo uMichel.

Nangona indlela athelekiswe ngayo amaqela ibingekakhutshwa – kodwa uSihlalo wePSL uqinisekisile ukuba imidlalo yeBetway Premiership iza kuqala ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo. Lo nto ithetha ukuthi le yiveki yokugqibela phambi kokuba amaqela ePSL abuyele enkomeni kwakhona emva kwekhefu leenyanga ezintathu zonke.