Ekuqaleni kweveki ephelileyo, iCape Town City ibhengeze uHaashim Domingo njengomdlali wayo. UJohn Comitis umtsibele esafika kuba esazi kakuhle ukuba uza kufunwa eMzantsi Afrika ngamaqela adlala kwiDStv Premiership.
OkaDomingo ngomnye wabadlali abanesiphiwo esingummangaliso sokudlala ibhola ekhatywayo. Kwiminyaka egqithileyo wazenzela igama kwiBidvest Wits eyabhangayo phambi kokuthathwa kuyo yiMamelodi Sundowns kwibathwana leminyaka edlulileyo.
Wafikela kwabanye oorhasatsha babadlali kwiSundowns kwanyanzeleka ukuba alinde ixesha lakhe. Ngelishwa izinto zange zihambe ngendlela afuna ngayo kwade kwaphela ixesha lesivumelwano sengqesho.
Nakubeni ayekhona amaqela amfunayo eMzantsi Afrika – kodwa uDomingo wakhetha ukuya kwiRaja Club Athletic yaseMorocco eqeqeshwa nguJozef Zinnbauer obekhe wangumqeqeshi we’Orlando Pirates. Naphaya azimhambelanga kakuhle izinto, ngoku ubuyele ekhaya kwakhona.
UDomingo unethemba lokuvuselela isakhono sakhe esabangela abe ngumdlali ophambili kwiBidvest Wits eyamvulela indlela eya kwiSundowns. Ethetha ngokubuyela kwakhe eKapa phambi kwesizini entsha, uDomingo uthe into emtsalele kwiCity yindlela edlala ngayo ebaleni.
“Into ebangele ndikhethe iCity yindlela edlala ngayo iCity. Idlala ibhola ihambela nendlela yam yokudlala. Okwesibini kukubuyela eKapa,” utshilo uDomingo kwividiyo epapashwe kwikhasi lomnatha leCape Town City. Ngokuqinisekileyo ukhethe iqela eliza kumsebenzisa.
“Ndizimisele ukuyinceda iCity ukuze iphumeze oko ikufunayo kwisizini ezayo. Kungakuhle ukuba ndingafumana amagowuli – kodwa ukuncedisa iqela yeyona nto ephambili kum. Ndifuna ukubaxelela abalandeli ukuba ndiyakuvuyela ukudlalela iqela labo.
“Ndicela baphume ngobuninzi babo basixhase emidlalweni yethu kwisizini ezayo,” utshilo uDomingo. Ukufumana umdlali onjengoDomingo kuza kumncumisa uEric Tinkler ngoba iqela lakhe aliqhubanga kakuhle kwisizini ephelileyo nakubeni livale kakuhle ngokubetha iSundowns ephulukene nomdlalo omnye kuphela.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo