Umbutho olawula iqakamba, iCricket South Africa, ugqejwe iduma elingophiyo emva kokuba uMark Boucher egqibe kwelokuba abeke phantsi njengomqeqeshi weqela lesizwe ekuqaleni kweveki. Iindaba zokuhamba kukaBoucher ziza emva kokuba uMzantsi Afrika ubethwe yiNgilane ngo’2-1 emidlalweni yovavanyo kutshanje. Okuza kuxakekisa kakhulu iCricket South Afrika kukuba uBoucher ushenxa esikhundleni kujongwe kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo. Abasemfuthweni wolwazi bathi uBoucher uza kuqeqesha elinye lamaqela eqakamba aza kuthatha inxaxheba kwiSA Cricket League ekulindeleke ukuba iqale kunyaka ozayo.
Ingxelo ebhaliweyo ekutshwe yiCricket South Africa ithe umqeqeshi ubeka phantsi kuba efuna ukukhangela amadlelo aluhlaza kwalapha emdlalweni weqakamba. “Siyayibulela imizamo eyenziwe nguMark Boucher njengomqeqeshi weqela leizwe kule minyaka emithathu egqithileyo,” itshilo ingqonyela yeCricket South Africa, uMnu. Poletsi Moseki. “Usincede kakhulu ngexesha elinzima lokuhamba kwabadlali bethu ebingabona abanamava. Usincedile ngoba ushiya isiseko esiqinileyo esakuthi sincede isizukulwana esilandelayo,” utshilo uMoseki. UBoucher wanikwa umsebenzi wokuqeqesha iqela lesizwe nguGraeme Smith owayeyintloko yeCricket South Africa ngoko.
Akasigqibanga isivumelwano sakhe seminyaka emine ngenxa yethuba elitsha alifumeneyo. Ukuhamba kwakhe akothusi ngoba ebekhe wabhakathi kugquthe lobuhlanga awaphinde wafunyaniswa engenalo ityala kwinkqubo yoluleko. Wayetyholwa ngokuphatha kakubi ngamazwi amadoda amnyama afana noPaul Adams oyingqonyela yeCricket South Africa ngoku. Nakubeni uBoucher engazange abenachaphaza ekugqibeleni – kodwa waxolisa kwabo babekhala ngempathombi besadlalela iProteas ngeentsuku zabo zobutsha. UBoucher uza kuhamba neqela lesizwe xa lityelela amaNdiya kule nyanga phambi kokuya kwelase-Australia – apho kukho itumente yehlabathi ekuthiwa yiT20 World Cup.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!