Yenze edume ngazo kwakhona iMamelodi Sundowns xeshikweni ibhengeza omnye wabadlali abaphambili enethuba elide imfuna. Phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthengwa kwabadlali, iSundowns yazise iTeboho Mokoena njengomdlali wayo emva kokwenziwa amaqashiso ngekamva ixesha elide. Iqela laseYurophu neKaizer Chiefs ibingawona maqela abonakalisa umdla omkhulu kuMokoena – kodwa yena ukhethe iSundowns. Emva kweminyaka engaphaya kwesihlanu, iSuperSport United imkhulule umdlali wayo ngemali engafuna ukuyichaza. Abasemfuthweni wolwazi bathi iSundowns ihlawule imali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi elinesihlanue.
UMokoena, 24, uthi khange ibe yinto enzima ukuya kwiSundowns ngoba liqela elihambelana ngqo nafuna kwenzeke ebomini bakhe njengomdlali webhola ekhatywayo. “Yinto enkulu kum ukusuka kwiSuperSport ndiye kwiSundowns ngoba yabonakalisa umdla kum kwaye nam liqela ebendisoloko nndinethemba lokulidlalela,” utshilo uMokoena. Eminyakeni ayihleli ePitoli, uMokoena ebeyinjini yeSuperSport phambi kokuba ngomnye wabadlali bamaqela esizwe. Umka kuyo ephumelele iindebe ezifana neMTN 8 neNedbank Cup. Kodwa nangona kunjalo, uMokoena akayifihlanga eyona nto ayifunayo kwiSundowns.
“Ndiyayithanda indlela eyidlala ngayo ibhola iSundowns nobunganga bayo kwiDStv Premiership. Njengoko abantu besitsho: iSundowns likhaya leentshatsheli, nam ndikudalelwe ukuphumelela, Ndifuna ukuphakamisa indebe yeDStv Premiership, ndidlale kwiCAF Champions League nakwiFIFA Club World Cup,” utshilo uMokoena ngumhla wakhe eChlorookop. UStan MMatthews umncomile kakhulu uMokoena owafika emncinane eqela lakhe. “UTeboho ulisebenzele kakuhle iqela ukusukela ngomhla wakhe wokuqala. Njengomntu osemtsha, ukwazile nokuncedisa uluntu endaweni akhulele kuyo. Uyakuhlala exabisekile kwiSuperSport nangona kubuhlungu kuthi ukumbona ehamba. Siyavuyisana naye kodwa,” utshilo uMatthews.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!