Kutheni uRassie Erasmus ekhethe ukurhoxisa isibheno sakhe?

URassie Erasmus usamkele isigwebo seWorld Rugby. Umfanekiso: BackpagePix

Emva kokugwetywa yiWorld Rugby kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo, uRassie Erasmus wathi uza kubhena. Kodwa emva kweveki, uye wagqiba kwelokuba asamkele isigwebo asinikwe ngumbutho olawula ubhoxo ngobunjalo baso. Kwiinyanga ezigqithileyo, uErasmus wathawuziswa emalahleni yiWorld Rugby ngenxa yokugxeka kwakhe usompempe wase-Australia ogama linguNic Berry kwintetho eshicilelweyo – apho wayebhenca khona intaphane yeempazamo awazenza emdlalweni owawuphakathi kwathi kwaMabhokobhoko neBritish & Irish Lions ebezize eMzantsi Afrika kulo nyaka. OkaErasmus watyatyekwa ngezityholo zokophula umthetho nokungaziphathi kakuhle.

Isono sakhe yaba kukuba ngusiputsu onceda abadlali ngokubanika amanzi endaweni yokuhlala endaweni ekuhlala kuyo abaqeqeshi nezikhulu zombhoxo. URassie Erasmus wagwetywa isigwebo seenyanga ezimbini engabandakanyeki ezintweni zombhoxo neenyanga ezintandathu engathath’ inxaxheba emidlalweni. Abantu abaninzi bamxhasa uRassie ngelithi konke awakuthetha ngosompempe yinyaniso – kodwa kucacile ukuba uye wabona ukuba makasamkele isigwebo. Eyona nto ecacileyo kukuba amathuba okuphumelela kwesigwebo sakhe kwiWorld Rugby ambalwa kakhulu. Endaweni yokucutha isigwebo, iWorld Rugby ingamthi nka ngesigwebo eside esinokubangela angabikho kwitumente yehlabathi ngonyaka ka-2023.

Iingxelo zamaphaphendaba angempelaveki zithi uRassie uyekile ukubhena kuba efuna uphele umlo ophakathi kwakhe neWorld Rugby. Nangona AmaBhokobhoko ephantsi kwesandla sikaJacques Nienaber – kodwa uRassie Erasmus usenefuthe kakhulu kwaye nobukho bakhe buyamnceda umqeqeshi. Noxa engazukuthatha nxaxheba, uRassie uza kuhamba neqela lesizwe kunyaka ozayo. UMzantsi Afrika ufinca unyaka usahleli phezulu kumanqwanqwa ombhoxo wehlabathi nangona ubethiwe yiNgilane emdlalweni wokugqibela wotyelelo lwaseYurophu – apho ubethe khona amazwe afana neWales neScotland.