USicelo Heukile uyaziwa jikelele eMzantsi Afrika ngenxa yebhola ekhatywayo abekade engusompempe kuyo. Emva koko uye wangena kushishino lwezindlu. Nakubeni zininzi izinto ezimxakekisileyo ebomini bakhe – kodwa ngenye imini waye wacinga ukuba makubekho into ayenzela ulutsha lwaseMonti, ngakumbi kwiilokishi ezifana ne yakhe neDuncan Village – enye yeendawo ezinabantu abahluphekayo eMonti. Emva kokugqiba ngezinto aza kuzenza, uHeukile waqala itumente yezikolo phantsi kwequmrhu lakhe elingenzi nzuzo (NPO) ekuthiwa yiSicelo Heukile Foundation ibambisene neHome Loan. Sekulithuba ngoku abantwana bezikolo eziliqela eMonti bekhuphisana emidlalweni yebhola ekhatywayo nomnyazi phantsi kwiEast London Schools Sport League emva kwesiganeko saseNyobeni esasuba imiphefumlo yabantwana abangamashumi amabini ananye.
“Ukusukela mhla ndavula iqumrhu lam elingenzi nzuzo, injongo yam yayikukuncedisa iindawo zethu eMonti ezibhuqwa zizinto ezifana nezifo, ukukhulelwa kwabantwana besebancinane nokusetyenziswa kweziyobisi okuxakileyo,” utshulo uHeukile. “Kodwa emva kwesehlo saseNyobeni, izicwangciso zam zatshintsha. Ndaqonda ukuba mandiqale ngokusungula itumente ngoba abantwana kwiindawo ezifana neDuncan Village bebengenazo izinto ezibaxakekisayo. Ndacinga ukuba le yindlela ekhawulezileyo esinokulwa ngayo iingxaki abajamelene nazo abantwana. Kudala ndatsho phambi kwento yaseNyobeni ukuba akukho nto yenziwayo lulutsha eDuncan Village.
“Abantwana besiya eNyobeni nje kungoba abanazo izinto ezibaxakekisayo. Xa ugxeka into, yiza nesisombulule. Ndikholelwa kulo nto ke mna. Thina sakhula sidlala ibhola – kodwa thina asibadlalisi abantwana. Into yaseNyobeni yaba nefuthe kwisigqibo sam sokuqala itumente,” utshilo uHeukile ozimisele ukuvelisa abantwana abaza kudlala kwiindawo eziphezulu kwinyaka ezayo. “Ndifuna abantwana babe nento abayenzayo. Xa umntana edlala, nokuba ngowuphi umdlalo, uyakhula engqondweni futhi nendlela acinga ngayo iyaphucuka. Umntana okwezemidlalo uyakwazi ukuziphatha ngoba uyafundiswa ngokulungileyo nokungalunganga.
“Ndifuna itshintshe iDuncan Village. Nabantu abayoyikayo, kufuneka batshintshe ngokubona utshintsho apha kuthi bantu bayo. Ndifuna ukubona abantwana balapha bedlala kwiPSL namaqela esizwe. Ikhona italente ezilalini nasezilokishini. Ndifuna ukuphuhlisa abantwana ngemidlalo. Sifuna ukususa abantwana kwizinto ezimbi ezenzeka ekuhlaleni. Imidlalo yamkelwe ngovuyo ngabantwana futhi bayabonakala ukuba bebeyinxanelwe. Isikolo ngasinye sikhupha ootitshala abathathu ngooLwezithathu xa kudlalwa. Kuyacgwalla emabaleni nangabantwana abangadlaliyo,” uvale ngaloo mazwi uHeukile ethetha ngemidlalo yezikolo edlalwa rhoqo ngooLwezithathu.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?