Kutheni uSiya Kolisi ekhethe ukudlalela iqela lombhoxo laseFrance

USiya Kolisi uza kudlalela iqela laseFrance emva kwetumente yehlabathi. Umfanekiso: Matt Impey/ Shutterstock/ BackpagePix

Isibhengezo ngokuhamba kukaSiya Kolisi kwiCell C Sharks sothuse abantu abaninzi. Kwiveki ephelileyo, uKolisi uxelele abalandeli bombhoxo kuTwitter ukuba uyazichitha iintente eMzantsi Afrika emva kwetumente yehlabathi kulo nyaka. Uthe uza kudlalela iRacing 92 yaseFrance. Akothusi kekambe ukuhamba kwakhe uKolisi ngoba ukusukela kwitumente yaseJapan (eyaphunyelelwa nguMzantsi Afrika), umdlalo negama lakhe lakhula kakhulu ngenxa yokubandakanyeka kwakhe kwimiba yentlalo yoluntu ngokubanzi. Nangona ebezibophelele kwiSharks kude kufike u’2027, okucacileyo kukuba ebekhona amaqela abemlangazelela.

UKolisi uxelele ijelo leendaba laseFrance, iL’Equipe, ukuba mabini amazwe awaye nomdla wokudlala kuwo kwa kudala, yiFrance naseJapan. “Kwantlandlolo, ndazixelela ukuba ndawuze ndiye eFrance okanye eJapan xa ndihamba eMzantsi Afrika,” utshilo uKolisi, ofuna ukuchitha ixesha nentsapho yakhe xa eseFrance. “Kule minyaka endikuyo, kufuneka ndifake usapho lwam xa ndithatha isigqibo ngobomi bam. Okuhle kukuba ndiza kufumana ithuba lokuhlala nosapho lwam ngoba kwiTop 14, akuhanjwa kakhulu xa uthelekisa nalapha,” utshilo uKolisi, okhe watyelela iqela lakhe elitsha esekhefini kunyaka ophelileyo.

“Ndikhe ndaneengxoxo neRacing 92 kwaye yiyo kuphela ebendinomdla wokuyidlalela. Okubalulekileyo kum kukuba liqela elindifunayo,” utshilo uKolisi, ovumileyo ukuba ukuba uDan Carter waseNew Zealand obeke ubhontsi kwisigqibo sakhe sokuya eFrance. “UCarter ungunobangela wokuya kwama kwiRacing 92. Ndikhe ndathetha nzulu naye phambi kokuthatha kwam isigqibo. Imibuzo yam wayiphendula futhi wathetha izinto ezintle ngeqela lam elitsha – kodwa wandilumkisa kananjalo ngezinto ezingaphazamisa ezenzeka eFrance. Okundichulumancisa kakhulu kukufunwa ngumqeqeshi ofana noStuart Lancaster oza kuthatha iintambo kwisizini entsha,” uvale ngaloo mazwi uKolisi.