USihlalo weTS Galaxy, uMnu. Tim Sukazi, uqinisekise ukuthengwa kokanozinti wakhe watsho wacacisa nesizathu esibangele amkhulule. Ngempelaveki egqithileyo, kuvakele iindaba ezithi iKaizer Chiefs ithenge uFiacre Ntwari obengunozinti ekuthenjelwe kuye kakhulu yiTS Galaxy.
Nangona iChiefs isayenze indaba yakwamkhozi into kaNtwari, yena uMnu. Sukazi uxelele iSABC Sport ukuba ngenene iChiefs ithenge umdlali wakhe ngemali engachazwanga. UNtwari ngumdlali wesibini othengwe yiChiefs phambi kwesizini entsha eza kuqala kwinyanga ezayo.
Ingxelo ithi uNtwari uye wabamba inqwelomoya eya eTurkiya – apho abadlali beChiefs bazilolonga khona phantsi kwesandla somqeqeshi omtsha. UNtwari, 24, ngumdlali webhola ekhatywayo osemgangathweni ophezulu kakhulu.
Kwisizini yakhe yokuqala, wenze umsebenzi omhle kakhulu emidlalweni engamashumi amabini anesine yonke kwiDStv Premiership nakwiqela lesizwe laseRwanda apho asuka khona. Nakubeni imali ingachazwanga, kukho iingxelo ezithi iChiefs ibhatele imali eqikelelwa kwizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million) ukuze ifumane uNtwari.
“Ndingatsho ukuba iChiefs ikubeke kwacaca ukuba ifuna umdlali wethu. Bekungaba asimdingi umdlali – kodwa ndithathe isigqibo ngokwendlela esisebenza ngayo apha kwiTS Galaxy,” utshilo uMnu. Sukazi encokola neSABC Sport. Kwisizini edlulileyo, iTS Galaxy ithengisele iChiefs umdlali wayo ophambili onguGiven Msimango.
Phambi kwesizini entsha, iTS Galaxy seyithathelwe ifolosi enguLehlohonolo Mojela oye kwiStellenbosch FC nomdlali wasemva uKagiso Sanoka oye kwiSuperSport United eqeqeshwa nguGavin Hunt ovuselele isivumelwani sengqesho kutshanje.
“Sikhe sayenza le nto ngaphambili futhi siza kuyityala eqeleni imali esiyifumeneyo. Ndikholelwa kwelokuba xa iChiefs yomelele, umgangatho webhola uyenyuka. UNtwari ungumdlali oza kuyinceda iChiefs. Asikwazi ukuba neChiefs ewokowoko nokuba siyathanda okanye asithandi,” uvale ngalo mazwi umnikazi weTS Galaxy.
Lo ngumdlali wesibini emva kukaBongani Sam ofike kwiveki ephelileyo ukusukela oko kuthe kwafika uNasreddine Nabi njengomqeqeshi oyintloko. Amakhosi asemaphethelweni amalungiselelo phambi kweToyota Cup aza kuyidlala neYoung Africans kwiveki ezayo eBloemfontein Stadium.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM