Kuthotywa umkhusane kwiMzantsi Super League

Heino Kuhn of Nelson Mandela Bay Giants during the 2019 Mzansi Super League game between Paarl Rocks and Nelson Mandela Bay Giants at Boland Park in Paarl on 8 December 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Kushiyeke
imidlalo emibini phambi kokusongwa kwesizini yoMzansi Super League. Noxa
iCricket SA ugutyungelwe ziingxaki zolawulo oluhesheshe – kodwa yona itumente
iqhube kakuhle. Zininzi izinto ezifuna ingqwalasela yabaphathi beqakamba phambi
kokuba itsale abalandeli abaninzi emabaleni. Kodwa nangona kunjalo, umgangatho
wemidlalo ubuxhomile. Iqela leqakamba laseNtshona Koloni, iPaarl Rocks, sele
izibekele indawo emdlalweni wokugqibela oza kuba ngoMvulo. Oku ikwenze
ngokubetha iNelson Mandela Bay Giants ngemitsi elishumi elinambini emdlalweni
obunzima kwiveki ephelileyo. Yenze imitsi elikhulu elinamashumi amathandathu
nethoba iPaarl Rocks emva kokuba ikhethe ukuqhokra kuqala. Iqokelele imitsi
elikhulu elinamashumi amahlanu anesithandathu kuphela iMandela Bay Giants
kwawayo amangeno.

Ngoku
iMandela Bay Giants kufuneka ilwele ukuzibekela indawo kwisigaba sokugqibela
seMzansi Super League xa iqubisana neTshwabe Spartans emdlalweni oseSt George’s
Park ngomso. Nangona iGiants isenalo ithuba lokuya emdlalweni wokugqibela
iphumelele nendebe – kodwa inokuba iphoxekile yindlela eqhube ngayo emidlalweni
yokugqibela egqwidize kuyo emva kokuhlala phezulu ixesha elide. Umdlalo
obuphakathi kweDurban Heat neJozi Stars, engaqhubanga kakuhle kule isizini, uye
wachithwa ngenxa yemozulu ebimbi eHollywoodbets Kingsmead ngoLwesibini wale
veki. Emva kokuchithwa komdlalo, uGary Kirsten akukho nto ayikhalazelayo
kwindlela iqela lakhe eliqhube ngayo kulo nyaka. “Ndicinga ukuba sidlale
imidlalo emihlanu esemgangathweni ophezulu. Ebekhona amathuba wokuyiphumelela
imidlalo emibini esibethiweyo kuyo. Sidlale kakuhle – kodwa zikhona iindawana
esingenzanga kakuhle kuzo,” utshilo uKirsten.