Inkampani yabathelekisi eyaziwayo jikelele, iXaba Boxing Promotions, ivala inyanga yenkcubeko eMzantsi Afrika ngesibhadlalala setumente yamanqindi. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeDwarha (ngeCawe) emin’ emaqanda, abalandeli bamanqindi baza konwabela imilo yeembethimanqindi ezikwinqanaba eliphezulu xa zisilwela iintshinga ngokwahlukana kwazo kwihotele yodidi oluphezulu ngaselwandle ekuthiwa yiEast London Convention Centre – edume ngokusingatha imilo ekhupha iintshatsheli zehlabathi. Le tumente, eququzelelwa nguMnu. Ayanda Matiti weXaba Boxing Promotions, ilandela enye ebibanjelwe eSoweto, eGauteng, abhiyozele ngayo umhla wokuzalwa kaMongameli wokuqala omnyama ongasekhoyo, uRholihlahla Nelson Mandela, ekuthiwa nguMhla kaMandela ngoku kwihlabathi lonke.
Umlo ophambili wetumente yangempelaveki nojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bamanqindi ngophakathi kukaLandile Ngxeke waseSada kwiphondo leMpuma Koloni noDenmark Quibido wasePhillipines. Ngumlo uNgxeke aza kuzama ukukhusela intshinga yakhe yeWBO Global bantamweight ayifumene emva kokoyisa uLuciano Francisco Baldor waseArgentina kumjikelo wesine emlweni obuseSoweto kwiinyanga ezigqithileyo. UQuibido, 27, oyintshatsheli elizweni lakhe, ubuyela eMzantsi Afrika okwesibini ezingela intshinga kaNgxeke abanedinga lokuyilwela emlweni onemijikelo elishumi oza kuba nzima eMonti – eyaziwa ngokuba likhaya lamanqindi ngenxa yokuvelisa iintshatsheli zehlabathi.
Indedeba yasePhillipines iza kugagana neembila zithutha eqongeni ngempelaveki ukuba ize eMzantsi Afrika ingazilungiselelanga ngokupheleleyo. UNgxeke uzilungiselele futhi ubetha izinto eziwayo. Iintanga zakhe nabangentla kuye bayamazi. Uzibonakalise xeshikweni eguba ngamanqindi iimbethimanqindi ezaziwayo ezifana no-Athenkosi Dumezweni noLindile Tshemese ebutsheni kwiinya ezigqithileyo. Komnye umlo, uThembelani Nxoshe uza kulwela ukoxutha intshinga yoMzantsi Afrika kwintshatsheli eseyiqinile, uJackson Chauke. Umlo wezi mbethimanqindi unemijikelo elishumi elinambini. Komnye umlo onemijikelo elishumi, uAphiwe Rasmeni uza kuvana amandla noLikho Sigaba emlweni wentshinga yeMpuma Koloni. Yonke imilo iza kusasazwa ngqo kwijelo losasazo elihlawulelwayo, iSuperSport TV.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi