Kuvuselelwa imidlalo entlobontlobo eTsholomnqa!

Iqumrhu elilawula imidlalo eTsholomnqa, iMalcomes Mgabela Sports Council ibambisene nenkosi uNongenile Pato, iza kusingatha itumente yayo yokuqala yokubhiyozela inyanga yamasiko nenkcubeko.

Imidlalo equka umbhoxo, ibhola ekhatywayo, umnyazi nomdyarho weembaleki iza kubanjelwa eMpongo ukusukela ngomhla wamashumi amabini uyokuthi xhaxhe ngomhla wamashumi amabini anesine.

Umongameli wequmrhu uLuyanda Makumese uthi bazimisele ukuvuselela imidlalo. “Injongo yethu siliqumrhu kukuvuselela imidlalo kwiilali zethu.

Imidlalo yeyona ndlela ilungileyo esinokuyisebenzisa ukuze sidibanise abantu nokugcina ulutsha lungenzi izinto ezigwenxa ezinotshabalalisa ubomi balo,” utshilo uMakumese.

Le ndedeba ithi nangona beza kugxila ekuphuhliseni ulutsha, kodwa abazukuzivalela ngaphandle iinkonde neenkondekazi ngoba nazo funeka zizigcine ngokuzilolonga.

“Imidlalo ayizukuphelela nje ekugcineni ulutsha emidlalweni, umdyarho weembaleki kuza kukhuphisana iinkonde ezineminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu uyokutsho kwiminyaka engamashumi amahlanu anesithoba, neenkondekazi ezineminyaka engamashumi amahlanu uyokutsho kumashumi amathandathu,” utshilo uMakumese.

“ITsholomnqa inembali entle kwezemidlalo. Kukho abadlali abaphuma kwezi lali endingabalula kubo umdlali waMabhokobhoko, uMakazole Mapimpi nabanye abadlali. Sizimisele ukuyenza rhoqo ngonyaka le tumente,” utshilo uMakumese.

Aza kuthiwa jize ngamabhaso amaqela aphumeleleyo. Iintshatsheli zombhoxo ziza kuwongwa ngemali engamawaka amahlanu anamakhulu amahlanu eerandi, iindebe neembasa zegolide.

Yimbasa yesilivere namawaka amane kwabakwindawo yesibini. Kwibhola ekhatywayo: iintshatsheli zigoduka zixwaye iimbasa zegolide, amawaka amathathu anamakhulu amahlanu neendebe.

Eliphume kwindawo yesibini, ngamawaka amabini neembasa zesilivere.

Kwibhola yomnyazi amanenekazi aphumeleleyo agoduka newaka elinamakhulu amahlanu.