‘Kuxhomekeke kwiChippa’

Umdlali wasesiswini kwiChippa United, uThamsanqa Sangweni, uwakhabe ngawo omane amarhe athi angayishiya iChippa ekupheleni kwale sizini.

Emva komdlalo obuphakathi kweChippa neGolden Arrows ngoMgqibelo odlulileyo, uSangweni, ufumene iwonga njengoyena mdlali ubalaseleyo. Le ndedeba ithethe yenjenje neli phephandaba ngeminqweno yakhe kwiChippa.

“Ndingonwaba kakhulu xa ingaphela le sizini iChippa ihleli phakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL,”utsho uSangweni.

“Ndonwabile yindlela andiqhube ngayo kule sizini, kwaye abaqeqeshi ndawonye nabanye abadlali basoloko bendikhuthaza, kwaye bayandicebisa ukuba ndingawuphucula njani na umdlalo wam, sisebenzisana kakuhle kakhulu.”

Mayelana namarhe athi angahamba kwiChippa aye kumaqela amakhulu aseRhawutini, uSangweni uthe: “ Ndatyikitya isivumelwano neChippa, kuxhomekeke kuyo ukuba isafuna ndihlale, ndizakuhlala ngoba ndisakonwabele ukudlala apha kwaye inkxaso endiyifumana kwabanye abadlali iyamangalisa. Sisebenzisana kakuhle, kodwa andiyazi ukuba kokwenzeka ntoni ekupheleni kwesizini.”

USangweni uthi, ingqondo yakhe ngoku uyimilisele kumdlalo wePSL ngomso xa iChippa United isamkela i-Orlando Pirates ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya eNelson Mandela Bay Stadium.

IChippa inethemba lokumgcina uSangweni obesuka kwiMamelodi Sundowns phambi kokudlalela yona, kodwa mhlawumbi izakuba ngumceli mngeni lowo xa amaqela amakhulu ebeka into etafileni.

Eli qela laseBhayi lihleli kwimndawo yesixhenxe kwiPremier Soccer League.

USangweni udlale indima ebonakalayo kwiChippa kule sizini, yatsho yakwazi ukuzibeka endaweni entle emva kokuphumelela imidlalo emininzi kule sizini.