Kuxolisiwe kuPitso othukwe ngonina ngabalandeli beSundowns izolo

UPitso Mosimane, oqeqesha iAl Ahly, efika eLucas Moripe Stadium phambi komdlalo weCAF Champions League. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Al Ahly, uPitso “Jingles” Mosimane, ubuyele kwilizwe lakwaFaro ekhathazekile ngenxa yabalandeli beMamelodi Sundowns abamthuke ngonina. Oku kwenzeke phambi komdlalo weCAF Champions League obuphakathi kweSundowns ne-Al Ahly ophele ingu’1-1 eLucas Moripe Stadium elanga phezolo. Iqela likaPitso liye ladlulela phambili ngoba liyibethe ngo’2-0 iSundowns emdlalweni obuseCairo kwiveki ephelileyo. Abalandeli beSundowns bashicelelwe ngomnxeba ophathwayo betherhe phambi kweBhasi ebikhwelise abadlali be-Al Ahly bebephethe amaphekepheke amakhalibhothi abhalwe izithuzo ezijoliswe kuPitso. Emva komdlalo, uPitso uvakalise ukukhathazeka kwakhe yindlela aphatheke ngayo elizweni lakhe. Ukusukela oko wathatha iintambo njengomqeqeshi we-Al Ahly, uPitso ebeqala ukubuyela eMzantsi Afrika.

“Ndiye ndaphazamiseka kakhulu emoyeni wam xa ndibona abantu bephakamise amakhalibhothi andithuka ngomama. Ndizibuze umbuzo: Yintoni endingayenzanga (kwiSundowns) ukuze ndingahlonipheki ngolu hlobo? Kodwa ke ndiyazazi izinto zebhola. Ndiyamazi umntu owenza le nto kwiSundowns. Kuninzi endingakuthetha kodwa ke sobe ndithethe,” utshilo uPitso, obenxubile noxa iAl Ahly iyifumene into ebiyifuna eMzantsi Afrika. Emva kokushiya iSundowns kunyaka ophelileyo, kwabakho iingxelo ezithi bekukho ukungaboni ngasonye phakathi kwakhe nabantu abathile. “Ndifumene imiyalezo emibi kakhulu ukusukela oko ndifikile eMzantsi Afrika. Lo miyalezo ibisuka emntwini okwiSundowns – hayi abalandeli bayo. Kukhe kwakho nezinto ezibhaliweyo ezisuka emagqwetheni ezimalunga nendlela endahamba ngayo. Ezo izinto ndizibekele incwadi yam kwaye zakubaliswa ngenye imini,” utshilo uPitso.

Ngentsasa yanamhlanje, iSundowns isixolisele isenzo esibi esenziwe ngabalandeli bayo kuPitso Mosimane. “Sifumene izikhalazo ezingokuziphatha kakubi nezithukho ezikhutshwe ngabalandeli beSundowns. Abalandeli beSundowns akufanelanga bageze okanye bathuke nokuba ngubani ngendlela abenze ngayo ngoba oko kuyakhabana nendlela yokuziphatha kwethu. Siyaxolisa kwi-Al Ahly nakubo bonke abachaphazelekileyo,” itshilo igxelo ebhaliweyo, elebele ngelithi iSundowns iza kuba khangela bonke abathuke uPitso futhi iza kubathathela amanyathelo. Eminyakeni esibhozo, uPitso uncede iSundowns yaphumelela iindebe ze-Absa Premiership, iTelkom Knockout, iNedbank Cup, iCAF Champions League neSuper Cup. Ungumqeqeshi wokuqala omnyama ophumelele indebe yeChampions League kwabini eMzantsi Afrika kwaye usecicini lokuya kwiFIFA Club World Cup okwesithathu.