Njengokuba kusondela ixesha lokuphela kwezivumelwano, omnye wabadlali ongekazazi ukuba kwenzeka ntoni ngaye nguTsepo Masilela.
Isivumelwano sakhe neKaizer Chiefs sizakuphelelwa lixesha kwinyanga yeSilimela – kodwa nangona kunjalo iqela lakhe litye tyum ngomba wakhe.
Ezivakalayo iindaba zithi uMasilela uzakudibana nomanejala wakhe kule mpelaveki – apho bazakuthi babonisane ngezinto ezimayelana nomsebenzi.
UMike Makaab weProSport International uthele thsuphe I’Solezwe ukuba unentlanganiso noMasilela kule mpelaveki.
“Sizobonisana noTsepo apha evekini. Kufuneka ndive kuye kuqala eyona nto ayifunayo. Abadlali abakweli khabathiso akulo bafuna ukudlala qho. Xa sithetha inyaniso, akadlalanga imidlalo emininzi kwisigaba sokuqala sesizini. Ebekhathazwe kukonzakala – kodwa ukhe wabekwa ngaphandle. Kodwa ke kufuneka sihloniphe isigqibo esithathwe nguye,” utshilo uMakaab.
UMasilela ufike kwiChiefs ngo’2012, udlale indima enkulu kwiindebe eziphumeleleyo ngethuba kusaqeqesha uStuart Baxter – ohambe eneendebe zePSL ezimbini, iMTN 8 neNedbank Cup phantsi kwegama lakhe.
Bekungekho mdlali akhuphisana naye kangako kulo minyaka – kodwa ukufika kukaSibusiso Khumalo kuzitshintshile izinto ngoba nguye odlale kakhulu kule isizini.
Abanye abadlali ekulindeleke kuxoxwe ngokutsha nabo nguWillard Katsande no-Eric Mathoho. Bobabini abo badlali basalinde iChiefs ibeke into etafileni. Sihlaziyiwe isivumelwano sikaLorenzo Gordinho kwiveki ephelileyo.
USiphelele Mthembu okhe wachitha iintsuku kwiBloemfontein Celtic ubuyele kwiChiefs emva kokungaphumeleli uvavanyo.
Njengokuba amaqela adlala kwiPSL kwiveki ezayo, Amakhosi abila esoma enkampini – apho alungiselela umjikelo wesibini wemidlalo yePSL.
USiphiwe Tshabalala uthi iChiefs ayikho kwindawo embi. Amakhosi ashiywa ngenqaku elinye jwi yiSuperSport United esenkcochoyini yePSL.
UShabba uqinisekile ukuba iqela lakhe lisekhondweni elihle lokubamba indebe yePSL.
“Sivale sikwindawo entle. Kufuneka sizimisele ngakumbi xa sibuyela ukuze sifumane iziphumo ezihle. Kuninzi okwenzekayo, silinde ukuqala kwesizini kwaye nekamva laMakhosi liqaqambile,” utshilo uTshabalala.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!