Kuyafiwa kwiMTN8 kule mpelaveki!

UBenni McCarthy ongumqeqeshi weCape Town City FC (ekunene) uqhula noGavin Hunt ongumqeqeshi weBidvest Wits umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

Olona khuphiswano luhamba phambili eMzantsi Afrika lungena tsotsololo kuvutho-ndaba kule mpelaveki.

Amaqela amane ashiyekileyo kolu khuphiswano lwezigidi ezisibhozo (R8-million) azakube eswantsulisana ngelizama ukuya kumdlalo wokugqibela. NgoMgqibelo ngo’20:15, iSuperSport United idibana neMaritzburg United kumdlalo ozakubanzima eLucas Moripe.

Omabini la maqela anabaqeqeshi abatsha abazimisele ukusebenza kakuhle kule sizini. Phantsi kukaFadlu Davids, iTeam of Choice, ivule ngokubetha iMamelodi Sundowns ngo’1-0 kwiMTN8.

Lo nto ilikhuthazile kakhulu eli qela laseMgungundlovu – kodwa iSuperSport United inzima kakhulu enkundleni yayo. Phambi kokuvulwa kwesizini, * -Eric Tinkler wathi uneenjongo zokuqokelela ezinye iindebe.

Amatsatsantsa a Pitori aguqise phantsi Amakhosi kumdlalo wokuqala kwaye ayakwazi ukumelana nemidlalo efana nale. Abadlali abafana noRonwen Williams, uMorgan Gould, uReneilwe Letsholonyane noThuso Phala banamava oneleyo wokulinceda eli qela lasePitoli kulo mdlalo nangona kukho amathandabuzo ngokudlala kukaJeremy Brockie kulo mdlalo ngenxa yokufunwa kwakhe yiDowns.

ICape Town City yamkela iBidvest Wits kumdlalo oseCape Town Stadium ngo’15:00 ngeCawe. Abadlali bakaBenni McCarthy bazakuya kulo mdlalo bekhuthazekile emva kokubetha iPolokwane City neWits kwimidlalo egqithileyo.

Ukudibana kwakhona kwala maqela kwenza abantu abaninzi babenomdla wokwazi ukuba ingaba iCity ingayibetha na iWits kwakhona amatyeli elandelelana.

UGavin Hunt uya kulo mdlalo enenduku entsha esemgqubeni emva kokufika kwefolosi * -Amr Gamal obedlalela i-Al Ahly yaseYiphutha.

Umhlalutyi webhola uSinesipho Mali uthi iWits ayinokubethwa kweli tyeli yiCity. “Andiqondi ukuba iCity ingayibetha iBidvest Wits.

Umdlalo wala maqela kwiveki ephelileyo unike umdla kakhulu. Kodwa sinomdla weziphumo zalo mdlalo. IWits inabadlali abaphezulu kakhulu.

Umdlalo wona uzakubanzima. UBenni McCarthy uqale kakuhle kakhulu kodwa kusekhona izinto abasazama ukuzilungisa beli qela.