Baza konwaba abalandeli bamanqindi eMonti kule mpelaveki.
Ngobusuku bangoLwesihlanu, iXaba Promotions isingatha itumente enemilo
esixhenxe e-Orient Theatre. NgeCawe, iRumble Africa Promotions inengxikela e-Indoor
Sports Centre. Umlo ophambili ngoLwesihlanu
uphakathi kwentshatsheli yeWBC International, uYanga Sigqibo, ozakube ejijisana
noKevin Lara waseNicaragua ngentsinga yeWBO intercontinental. Umlo ekulindeleke
ukuba wohlule phakathi abalandeli bamanqindi eMdantsane uphakathi
kwentshatsheli yeJunior Fly uBongani Silila noNhlanhla Tyirha. Yena u-Athenkosi
Dumezweni uza kubuyisa isidima soMzantsi Afrika xa exhimfana no-Ulises Lara
waseMexico. ULara wangqengqisa uNhlanhla Ngamntwini kweyekhala, wabuya wavuthulula
uThembelani Nxoshe kweyeDwara.
UNkosinathi Joyi uza kuphekuzana noMpo Seforo kwiWBO
Intercontinental kudidi lweJunior Flyweight. UNhlanhla Ngamntwini uza kuzama
ukubuyisa isidima sakhe kuMfundo Gwayana. ULonwabo Witbooi uthi uza kufika
bemlindele uLara. “Siyibukele imilo kaLara; uza kufika simlindele noba uze
ngeyiphi na indlela,” utshilo uWitbooi. Indedeba
yakwaWitbooi ithi injongo yabo kukuba uSigqibo alwelwe intshinga yehlabathi
kunyaka ozayo. “Emva kokubetha uLara, sifuna ukuba alwele intshinga yehlabathi
uSigqibo. Lo nto sifuna yenzeke phambi kweyeSilimela kunyaka ozayo,” uWitbooi
utshilo.
Iziphumo: URonald Malindi ugoduke nentshinga yeABU emva
kokubetha uMakazole Tete ngamanqaku. Uchithwe umlo phakathi kwentshatsheli ye-IBO
kudidi lweNgcongolo uSimphiwe Konco noJoel Conoy emva kokungquzulana ngeentloko.
USheradene Fortuin ubethe uThemla Zuma ngamanqaku.
Imilo ephele kulingenwe yile: uMawande Matroos noTholumusa
Zuma, uPhila Gola noMawande Mbusi kunye nokaSiphamandla Manqatha no-Ayabulela
Gcebe. Yena u-Andile Nxayiphi ungqengqise uGcina Makhoba kumjikelo wokuqala. UXolisa
Nkonyane uwise uMzoxolo Dyani kakubi kumjikelo wesithathu. UMalaki Sinobolo
umbethe walala ngophotho kumjikelo wesibini uMasivuye Piliso. UYankees Phaliso
ubethe uLuyolo Magenuka ngamanqaku.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party