Kuzakucaca inkunzi phakathi kweDowns neChiefs

IMamelodi Sundowns izakudibana neKaizer Chiefs kumdlalo wamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout.

Oku kulandela emva kokuba bebethe iSupersport United ngamagowuli amathathu kwelinye kumdlalo ububanjelwe eLucas Moripe ngokuhlwa ngoMgqibelo.

Amagowuli afakwe nguLeornado Castro, uThabo Nthethe kunye noBongani Zungu, ngawo ase iqela likaMosimane kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Isiqingatha sokuqala somdlalo besilawulwa yiSundowns. Eli qela belidlala umdlalo okhawulezayo kakhulu, kwaye bebefaka uxinizelelo kakhulu kubadlali bangasemva beSupersport United.

Kwimizuzu nje embalwa emva koku, abafana bakaMosimane bafumene igowuli lokuvula ngelixa uCastro efaka emnatheni ibhola kaThemba Zwane.

UDolly nobewuqhuba kakhulu ngokwakhe lo mdlalo ukhe wazivavanyela uRonwen Williams naye.

Emva komzamo omninzi weSundowns uNthethe ufake igowuli lesibini leSundowns, emva kwebhola ethunyelwe nguDolly ngenqina lasekhohlo.

UZungu uye wakwazi ukugqibezela umsebenzi wabo ngomzuzu wamashumi asibhozo, uqhaqhe abadlali abambalwa beSupersport bangemva phambi kokuba afake ibhola ngaphaya koWilliams. UMosemane uthethe ngolu hlobo emva kwalo mdlalo: “Bekunzinyana ngethuba usandula kuqala umdlalo, bendinexhala ngoDove Wome kuba ebehlupha amadlali base- sizikithini ngasemva, kwaye iphantse yaba ngumceli mngeni le nto.”

UMosimane utshilo ukuba akukho nesidingo sokuba baqhayise kodwa uyavuya yimpumelelo yabo.