Abalandeli bebhola ekhatywayo mabalindele umdlalo osezingeni eliphezulu xa kuvalwa umkhusane weDStv Compact Cup ngoba kuza kube kudlana iintsimbi. Amaqela amabini, iCoastal United neWarriors FC, kulindeleke angquzulane okweenkunzi zegusha xa edibana emdlalweni wamagqibelakankqoyi weDStv Compact Cup oza kube ubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngecala emva kwentsimbi yesine ngoMgqibelo. Iqela eliphumeleleyo liza kugoduka lixwaye indebe ekhatshwa sisigidi serandi (R1-million). Umdlalo wokugqibela uza kutshayelelwa ngumdlalo ophakathi kweDinaledi FC eqeqeshwa nguDan Malesela naMabutho aqeqeshwa nguErnst Middendorp.
Emidlalweni yokuqala, iDinaledi ivuthululwe yiCoastal United ngamagowuli amathathu eqandeni, wona Amabutho abethe yiWorrios ngamagowuli amabini kwelinye. USteve Barker noDylan Kerr ngoongqondongqondo abaziwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Nangona iCompact Cup ebonwe ngabathile njengemfeketho – kodwa sekubonakele ukuba iza kubaphakamisa abadlali abathile nabaqeqeshi abanikwe uxanduva ngabalandeli.
Njengokuba amaqela amabini eza kulwela indebe, iWarriors kulindeleke ithembele kubadlali abafana no-Itumeleng Khune odlale kakuhle emdlalweni wokuqala noHappy Jele abanamava ebholeni ekwinqanaba eliphezulu. Kanti yona iCoastal United, evelise abadlali abafana noLuphumlo Sifumba ofake igowuli emdlalweni wokuqala, iza kubeka ithemba kubadlali abafana noThabo Nodada no-Evidence Makgopa. UKerr weWarriors uyincomile indlela abadlali bakhe abadlale ngayo, ngakumbi uKhune owenze umsebenzi oncomekayo.
“Ndicinga ukuba uKhune udlale kakuhle kakhulu emva kwexesha elide engasadlali. Usihlangule emdlalweni naphambi kokufaka kwawo igowuli Amabutho. Nguye osigcine emdlalweni kwisigaba sesibini silahlekile,” utshilo uKerr emva komdlalo. Naye uBarker uvakalise ukwaneliseka kwakhe emva komdlalo wokuqala. “Abadlali benze umsebenzi omhle. Ukuvalwa kwepenela ngunozinti wethu kusisebenzele kakhulu ngoba umdlalo wethu ubukhe wehla. Sikwazile ukulawula umdlalo kakuhle noxa kunzima ukudlalisa abadlali abangazaniyo,” utshilo uBarker.
Useziseleni uGogo Maweni!