Emva kwekhefu leveki, imidlalo yeDStv Premiership ibuyela emabaleni kwakhona ngempelaveki. Nangona iingcango zamabala zivuliwe ukuze bangene abalandeli bebhola ekhatywayo – kodwa baza kuphoswa ngumdlalo omkhulu ophakathi kweChippa United neKaizer Chiefs. Lo mdlalo, ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bamaqela omabini, uza kuqala ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo kwibala laseNelson Mandela Bay Stadium. Umdlalo ungafaniswa nomlo wezilo ezibini ezidume ngobungozi, ingwe nengonyama, ngenxa yokubaluleka kwawo. Njengokuba isizini isiya ekupheleni, iChiefs neChippa zidinga amanqaku ukuze ziyivale kwiindawo ezihloniphekileyo.
Kuzaw’ fiwa eGqeberha ngoba iChippa idinga impumelelo eza kuyinika amanqaku amathathu ukuze ibhekele ezembeni njengokuba ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu kwiDStv Premiership. Iza kwamkela iChiefs inamandla ongezekileyo emva kokuba iqokelele amanqaku amane emidlalweni emibini egqithileyo. Kunyanzelekile uKurt Lentjies namakhwenkwe wakhe balwele ukuyisa iChiefs emalanga ngoMgqibelo ngoba ukubethwa kwaye iChippa kungayigibisela emngciphekweni wokuthotyiselwa. Naye uStuart Baxter uphantsi koxinizelelo olumandla emva kokuba Amakhosi ebethwe yiGolden Arrows emdlalweni obekufanele ukuba awuphumelele ukuze acuthe umsantsa phakathi kwawo neMamelodi Sundowns ehleli phezulu kwiDStv Premiership.
Emva kokubethwa eFNB Stadium kutshanje, uBaxter uye wavuma ukuba iSundowns ingayithatha indebe. Lo nto imbeke engxakini ngoba ibilithuba lokugqibela lokuncumisa abalandeli beChiefs abangasamfuniyo. “Umntu oqiqayo uyabona ukuba ukuphumelela kwethu indebe yinto engeke yenzeke ngoku ngoba bekufuneka zenze umsebenzi namhlanje. Ngoku iSundowns ingonwaba ngoba akusekho xhala,” utshilo uBaxter ejula itawuli emva kokubethwa ngaBafana Bes’thende ngegowuli elinye. Amakhosi, akwindawo yesithathu, alwela indawo yesibini ngoku aza kuyibuyisela kwiCAF Champions League. Kanti yona iChippa ilwela ukusinda ezembeni njengesiqhelo.
Imidlalo yeDSTV:
Mgqibelo: TS Galaxy vs Royal AM @Mbombela Stadium, 15:00; Stellenbosch vs Sekhukhune United @Danie Craven Stadium, 15:00; Chippa United vs Kaizer Chiefs @Nelson Mandela Bay Stadium, 17:00; Golden Arrows vs SuperSport United @Princess Magogo Stadium, 19:30; Maritzburg United vs Swallows @Harry Gwala Stadium, 19:30
Cawa: Cape Town City vs Baroka FC @Cape Town Stadium, 15:50
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!