Kuzawudlan’ iintsimbi ePeter Mokaba Stadium!

Owona mdlalo ekulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi kwembalwa ekhoyo ngophakathi kweKaizer Chiefs neBaroka FC esecicini lokuthotyiselwa.

Amakhosi azindwendwe zeBaroka kumdlalo wePSL ekulindeleke utak’iintlantsi ePeter Mokaba Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.

IBaroka ithembisa abalandeli ngolonwabo oluthe chatha ebaleni nangaphandle.

Ekuqaleni kwesizini umqeqeshi weBaroka, uKgoloko Thobejane, wathembisa abantu ukuba uzakuthatha indebe yePSL – lo nto yanyusa amathemba ebantwini.

Akubanga njalo, ngoku iBaroka ihleli emsileni kwiPSL. Iya kulo mdlalo inethemba lokuzuza amanqaku kwiChiefs emva kokufumana impumelelo kwiNedbank Cup kwiveki ephelileyo.

Emva kokubetha iStellenbosch ngo’3-0 kumdlalo weNedbank Cup, eKapa, Amakhosi aceba ukubetha iBaroka ukuze enyukele phezulu kwiPSL.

Umdlali wasemva kwiKaizer Chiefs, * -Eric Mathoho, ulincomile iqela lakhe emva kwempumelelo yempelaveki – kodwa watsho ebethelela ukubaluleka komdlalo ozayo.

“Kuhle ngoba siya phambili kwiNedbank, ngoku kufuneka similisele iingqondo zethu kwiBaroka. Kulula ukungahoyi xa niphumelele – kodwa akufuneki sizilibale izinto ezibalulekileyo. Eli lithuba lokusondela kumaqela aphezulu kwiPSL,” utshilo uMathoho.

Ukuzithemba kwiqela likaSteve Komphela kuyakhula emva kokungabethwa kwimidlalo elithoba ilandelelana kule isizini. Njengokuba amaqela akhuphisana neChiefs ebandakanyeka kwimidlalo yeCAF – uKomphela ucinga ukuxakeka kwawo kunganika iqela lakhe ithuba lokuthatha indebe yePSL.

IMamelodi Sundowns, iBidvest Wits neSuperSport ziza kudlala imidlalo yeCaf nakule iveki. Kulo kaKomphela amathuba okuphumelela indebe asekhona.

“Amathuba asekhona. Lishumi lonke lemidlalo eseleyo. Siyathemba ukuxakeka kwamanye amaqela kuza kusinceda thina,” utshilo uKomphela.

Amakhosi akwindawo yesine, afumbathe amashumi amathathu anesihlanu amanqaku emva kwamashumi amabini emidlalo.

Imidlalo yePSL

NgoLwesihlanu: Ajax Cape Town vs Free State Stars @Athlone Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Bloem Celtic vs Cape Town City @Dr. Molemela Stadium 18:00

NgeCawe: Highlands Park vs Maritzburg United @Makhulong Stadium 15:30

pedrop.mapelo@inl.co.za