Kuzawukhal’ enyintwana e-Orient Theatre!

Iimbethi manqindi eziphambili eMzantsi Afrika zizakube zijamelene okweenkunzi zegusha, ziphinde zingombane ezihlunwini xa zidibana kwitumente ezakube ibanjelwe e-Orient Theatre ngoLwesihlanu emalanga.

Le tumente iququzelelwa yiXaba Promotions ibambisene nesebe lezemidlalo, kulindeleke itsale umdla wabantu. Itumente le ibanjwa kanye ngonyaka, injongo yayo ephambili kukubhiyozela ubom bukaNelson Mandela – umongameli wokuqala kuMzantsi Afrika omtsha.

Abaququzeleli bathelekise iimbethi manqindi ngeyona ndlela enika umdla kwaye kulindeleke ukuba abalandeli bamanqindi bayonwabele imilo ngeyona ndlela ikhethekileyo.

Mihlanu imilo enzima elindelekileyo ngorhatya lwangoLwesihlanu. Kumlo wokuqala weWelterweight, uKhakhathi Ramutshi waseLimpopo uzakuxhimfana no-Uyanda Nogogo waseMdantsane.

Oyena mdlalo ozakube ujongiwe uphakathi kukaGideon Buthelezi oyintshatsheli ye-IBO Bantamweight noRyan Rey Ponteras osuka ePhillipine.

Le ndedeba ingombe * -Angel Aviles waseMexico kwiinyanga ezidlulileyo. Iimbethi manqindi zela lizwe zidume ngokunyamezela – kodwa ziyabetheka futhi naye uButhelezi uyayazi into ayenzayo.

UBangile Nyangani uzakuzama ukoxutha ibhanti lentambanani kuSiphamandla Baleni. UYanga Sigqibo udibana noMfundo Gwayana kwiJnr Bantamweight.

ULudumo Lamati uza kuswantsulisana noLuis Melendez.

pedro.mapelo@inl.co.za