Iyasombuluka inamba kwimidlalo ye-Africa Cup of Nations esingathwe lilizwe laseGabon ukusukela ngomhla we-14 kweyoMqungu ku-2017. I’solezwe lesiXhosa lijonge kumazwe athatha inxaxheba kule tumente eyonganyelwa ngamazwe aseNtshona naseMntla Afrika. IZimbabwe kuphela kwelizwe elizakumela amazantsi e-Afrika kule tumente.
Group A
Iqela elisingatha le tumente iGabon kulindeleke lenze kakuhle njengoba linabadlali abafana noPierre-Emirick Aubameyang – odlalela iBorussia
IBurkina Faso yothusa abaninzi ngokufikelela kumdlalo wokugqibela kwi-2013 Afcon – kodwa kuthe emva kweminyaka emibini yaphuma kwangoko kwitumente elandelayo nangona inabadlali abafana noJonathan Pitroipa no-Abdou Razak Traoure.
IGuinea Bissau iyaqala ukudlala kwi-Afcon emva kokudlala kakuhle kwimidlalo ehlakulela le tumente. Yabetha iZambia ngo’3-2 – kodwa akukho nto ingako elindelekileyo kuyo. Iza kuvula itumente neGabon.
Group B
I-Algeria idlala kakuhle kakhulu, inomdlali odlala
iwonga lomdlali we-Afrika kumsitho obuseNigeria kutshanje. Ukhona noYacine Brahimi odlala ePortugral. Njengeqela eliphambili e-Afrika, kulindeleke lukhulu kwiDessert Foxes. ISenegal iluqilima kakhulu njengokuba kunomdlali ofana noPeppe Moussa noSadio Mane obaleka kwiLiverpool.
IiLions of Teranga zivula neTunisia. Xa sijonga iTunisia, lelinye lamaqela adlala kakuhle ngenxa yabadlali abaliqela abanamava kwimidlalo yeCAF Champs League. IZimbabwe inabadlali abaninzi abadlala kwiPSL. Iphethe abadlali abafana noKhama Billiat – othe wagqama kwiCAF Champs League ngo’2016, uTendai Ndoro, uWillard Katsande, uKnowledge Musona nabanye abaninzi.
Group C
Yona iDR
Group D
Emva kweminyaka emithandathu, kuninzi okwenzekileyo kwi-Egypt ngenxa yezopolitiko. Kodwa uHector Cuper [umqeqeshi] uqinisekise ukuba eli lizwe libuya nayo i-Afcon. Umdlali ophambili, uMohamed Salah, odlala kwiRoma kwiSerie A, udlala kakuhle kwaye kulindeleke anike amaqela ingxaki ngenxa yamendu anawo ebaleni. IGhana, eyafikelela kumagqibela-kangqoyi ngo’2015, inabanadlali abafana no-Asemoah Gyan ozakube ejongwe kakhulu. Bakhona nabafana abanje ngo-Andrew noJordan Ayew abadlala eNgilane.
Yona i-Uganda yagqibela kudala kule tumente yamazwe ase-Afrika. Emva kokuphumelela iCAF Champs League neMamelodi Sundowns nokuchongwa njengomdlali oqaqambileyo kubadlali base-Afrik, uDennis Onyango, ujonge ukulifunqula ilizwe lakhe. IMali inabadlali abadlala eYurophu – kodwa ayikenzi ezibukwayo kwi-Afcon.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike