Kwamkhathaza ukonzakala kwakhe uZolani Tete

UZolani Tete ngethuba esamkela imoto entsha kwaMercedes-Benz emsithweni owawukunyaka ophelileyo eMontiUmfanekiso: Bheki Radebe

Kulindeleke iphile intshatsheli yeWBO kudidi lweNtambanani, uZolani Tete, emva kokungaphatheki kakuhle ixesha elisondela kwiinyanga ezimbini.

UTete wonzakala egxalabeni kwinyanga ephelileyo elungiselela umlo owawujongwe ngamehlo abomvu lihlabathi weWorld Boxing Super Series owawuza kuba phakathi kwakhe noNonito Donaire eMelika.

Ugqirha uthe uTete uza kuphila kwisithuba seenyanga ezimbini.

“Ugqirha undixelele ukuba ndiza kuphila kwisithuba seenyanga ezimbini. Ngeke ndilingxamele nam eli gxalaba. Ndiza kulilinda ukuze ndiphile ngokupheleleyo,” utshilo uTete.

Umgaqosiseko weWBSS awukuvumeli ukumiswa komlo ngenxa yokonzakala kwimbethimanqindi enye.

Ukonzakala kukaTete kwanyanzeleka ukuba uDonaire alwe negatyana laseMelika ekuthiwa nguStephen Young.

UDonaire walithi qwaka-qwaka kwimijikelo emithathu.

UTete uthi kwamkhathaza gqithi ukonzakala ngoba wayekulambele ukulwa noDonaire.

“Ndakhathazeka kakhulu kukonzakala kwam ngoba ndandikufuna kakhulu ukulwa noDanaire. Ukuba lingavela elinye ithuba lokulwa naye, ndingawuthatha loo mlo,” utshilo uTete.

Ephefumla ngewonga lembethimanqindi ebalaseleyo ngokuwisa emidlalweni, uTete uthethe wenjenje: “Ndiyabulela kakhulu ngokuwongwa. Nangoku andikayilibali indlela endamwisa ngayo uSiboniso Gonya,” utshilo uTete kwiintatheli emva kokwamkela iwonga alizuze emsithweni obuseSandton, eGoli, kutshanje.

UTete, 31, uzincomile iimbethimanqindi ezisakhulayo ngelithi zilikamva lamanqindi aseMzantsi Afrika.

“Awasoze afe amanqindi eMzantsi Afrika kusekho iimbethimanqindi ezifana nooNtlantla Tyirha, ooThulani Mbenge, ooLudumo Lamati nezinye. Ezi iimbethimanqindi zilikamva lamanqindi kweli lizwe,” utshilo uTete.