Kwem: Sifuna ukuyibetha iSuperSport United

Ifolosi yeChippa United, uAugustine Kwem, ithi kunyanzelekile iqela layo liphumelele emdlalweni wempelaveki

“Kunyanzelekile siqhube kakuhle emdlalweni wangempelaveki,” lawo ngamazwi wefolosi yeChippa United, uAugustine Kwem.

Le ndedeba yaseNigeria ikuthethe oku phambi komdlalo weAbsa Premiership ekulindeleke ube nzima phakathi kweChippa United neSuperSport United ebusuku ngoLwesihlanu eLucas Moripe Stadium.

Amatsatsantsa aza kufuna ukukhuphela umsindo kwiChippa emva kokubethwa ngo’2-1 yiMamelodi Sundowns emdlalweni wedabi lasePitoli kwiveki ephelileyo.

Nayo iChippa iya emdlalweni ifuna ukuphumelela emva kokubambana ngegowuli neBloemfontein Celtic emdlalweni obuseBhayi.

“Umoya wabadlali mhle enkampini. Sisabethwe yiPolokwane qha okwangoku emidlalweni yethu, kodwa sifuna ukuqinisekisa ukuba sifumana impumelelo emidlalweni yethu. Njengokuba iqela ligqiba iminyaka elishumi, sifuna ukonwabisa abalandeli bethu,” utshilo uKwem.

Kuyingozi ukudlala neSuperSport endaweni yayo ngoba iyakelema kodwa nangona kunjalo, iChippa iya kuyo isazi ukuba iyabetheka.

“Siyazi ukuba umdlalo uza kuba nzima kakhulu ePitoli. Siya kwiSuperSport sinethemba lokuba sakubuya neziphumo ezincumisayo. Kunyanzelekile siwuphumelele umdlalo ngoba sifuna ukuhlala kude ezembeni kwaye sifolelwe yimidlalo enzima kwinyanga ezayo. Sifuna ukungena kwiTop 8 ukuze sikwazi ukudlala kwiMTN 8,” utshilo uKwem, ofike kwiChippa phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo.

Phantsi kukaNorman Mapeza, uKwem uzibonakalisile ukuba ungumdlali ekunokuthenjelwa kuye ngokunceda iChippa ngamagowuli emidlalweni egqithileyo.

UKwem ubulela inkxaso nokuthenjwa ngumqeqeshi wakhe uMapeza.

“Iyandichulumancisa inkqubela endiyenzileyo kule sizini. Ndibulela umqeqeshi ngoba undithembile futhi uyandixhasa. Yinto enzima ukuya ebaleni kodwa kuba kuhle xa umqeqeshi ekuthembile. Umqeqeshi ungumntu othanda abantu abazimiselayo emsebenzini. Akamthandi umntu owonqenayo nozithatha kancinci izinto, kodwa akayiyo la nto bayibona eyenza xa sidlala ebaleni,” utshilo uKwem. IChippa yayibetha iSuperSport emdlalweni wokuqala kunyaka ophelileyo, kodwa zingajika izinto kweli ityeli ngoba uKaitano Tembo ufuna iqela lakhe livale isizini lisendaweni entle.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Cape Town City vs Black Leopards @Cape Town Stadium, 20:00

Mgqibelo: Golden Arrows vs Kaizer Chiefs @Moses Mabhida Stadium, 15:30; Stellenbosch vs Polokwane City @Cape Town Stadium, 15:30, Orlando Pirates vs AmaZulu @Orlando Stadium, 18:00

Cawe: Baroka vs Maritzburg United @Peter Mokaba Stadium, 15:30