‘Kwenzeke into efanelekileyo’ – Mbekeni

Umlandeli weSundowns uMoyiseli Mbekeni

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba labantu. Gqaba gqaba, ubhuti ngubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguMoyiseli Mbekeni. Ngokokuhlala ndilapha eDuncan Village – kodwa ndiphuma phaya eMooiplas.

PM: Iqela lakho liqokelele zonke iimbasa ezibalulekileyo kwiCaf, uziva njani ngalo nto?

Moyiseli Mbekeni: Yooh! Indlela endivuya ngayo ayithetheki – kodwa ayindothusanga le nto yenzekileyo. Ekupheleni kwesizini yePSL edlulileyo abadlali beSundowns bawathatha onke amawonga. Abadlali beDowns bazifumene lula ngoba baqala apha ekhaya. Mna ndingathi ngokuwongwa kwabo abadlali kwenzeke into efanelekileyo.

PM: Uqale nini ukuba ngumlandeli weSundowns, njani?

MB: ukuba ndikhumbula kakuhle kwakuphaya kula minyaka yoo-1989. Ngaloo minyaka kwakusekho abadlali abafana nooJezzy Queen nooMike Ntombela. Uyayibona le nto yokubukela umdlalo kuba kudlalwa? Ndaqala kanjalo nam. Kudala kwakudume kakhulu iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates – kodwa indlela eyayidlala ngayo, enomahluko yandibamba. Umdlalo wayo nguwo owanditsalayo kakhulu.

PM: Nahluke ngantoni nina balandeli beDowns kwabanye abantu abalandela ibhola?

MB: Kumnandi kakhulu ngoba siyarhabulisana ngezinto ezithile ezibalulekileyo zeSundowns. Enye into emnandi ngokulandela iDowns kukuba zikhona izinto esizifumanayo ezikwenza ubenebhongo ngayo. Ukufumana kwam ikhadi lobulungu kwandenza ndaziva nyhani ukuba ndingumlandeli weSundowns.

PM: Ulindele ntoni kule isizini kwiDowns?

MB: Inye into endiyifunayo: kukukhusela indebe yePSL. Lo nto ingenzeka lula ngoba asikudanga kumaqela aphezulu. Enye into endinika ithemba kukuba onke la maqela aphezulu ayabetheka ngamanye amaxesha.