Le yiveki ebalulekileyo kakhulu kusapho leMamelodi Sundowns ngoba kulindeleke ithathe indebe ye-Absa Premier Soccer League ngokusesikweni emva kwesizini ebintle kakhulu. I’solezwe lincokole nomlandeli omkhulu weli qela uHlumisa Makuzeni, osixelele ngothando lwakhe lwebhola ekhatywayo neqela lakhe.
Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane ungubani, uhlalaphi?
Hlumisa Makuzeni: Igama lam ndinguHlumisa Makuzeni, ikhaya likuQoboqobo kwilali ekuthiwa yiRabula, kodwa ngoku ndihlala eMdantsane kwaNU13.
PM: Uqale nini ukuba ngumlandeli weMamelodi Sundowns, ibhola yona uqale njani ukuyilandela okanye wancedwa ngoobani?
HM: Ndiqale ukulandela iMamelodi Sundowns ngo-2014, ndincedwa nguMzala wam uSive Makhuzeni.
PM: Kunjani ukuba ngumlandeli weSundowns?
HM: Kumnandi kakhulu ukuba ngumlandeli wayo kuba indenza ndizive ndonwabile ngendlela edlala ngayo, kwaye ke njengelungu leWomen’s Forum okanye Yellow Divas indenza ndixakeke zizinto zasekuhlaleni apho sinceda khona uluntu.
PM: Kubaluleke ngantoni ukuba yinxalenye yesebe labalandeli?
HM:Kubaluleke kakhulu ngoba zininzi izinto endizifundileyo lo gama ndilapha kuyo. Umzekelo: indlela yoziphatha xa ungumlandeli, ukusebenzisana nabantu nokunceda apho kudingeka uncedo khona…Abantu abadlala indima ephambili kwisebe laseMdantsane:
NguMninawe Meyeseli, * -Andile Ndudula, uWiseman Makolota, uBulelwa Mhlontlo, uBusisiwe Nobavu noSive Makhuzeni.
Abanye ngaba: nguMhleli Ngcobozi, uWiseman Sogoni, uBukobakhe Sibobi, uMarcus Morake noLwazi.
PM: Uziva njani njengokuba iDowns iqhuba kakuhle kule sizini?
HM:Ndiziva ndonwabe kakhulu kuba idlala ngeyona ndlela incomekayo, kwaye izimisele kakhulu.
PM: Ngubani oyena mdlali umthandayo kuba kutheni?
HM: NguKhama Billiat, ungumdlali ozimiseleyo kakhulu kwaye ulithemba lethu (CBD).
PM: Khawusiphe iqela lakho njengomlandeli omkhulu.
Kufanele yenze ntoni iSundowns ukuze iqhube kakuhle kwimidlalo yeCAF?
HM: Kufanele izimisele ngamandla itshintshe abadlali ukuze bafumane ixesha eloneleyo lozilolonga.
PM: Khawusiphe iqela lakho njengomlandeli omkhulu.
HM: Khama Billiat, Keagan Dolly, Hlompho Kekana, Leonardo Castro, Tiyani Mabunda,
Ntethe,
Mzikayise Mashaba, Dennis Onyango, Wyne Arendse, Tebogo Langerman noRamahlwe Mphahlele.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile