Lala ngoxolo Mawila

UMawethu, obambe ibhola, ngumdlali weMorning Stars, othe wasutywa kukufa emva kokuhlatya kwilokishi yaseBhayi. Umfanekiso: Zenande Maqubela

Ubekwa kwikhayal lakhe lokugqibela kule mpelaveki, eBhayi, umdlali weMorning Stars FC edlala kwi-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni.


UMawethu Matshaba wahlatywa wasweleka kwilokishi yaseNew Brighton, eBhayi, kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Lo mdlali siswini, obesaziwa kakhulu ngesiteketiso esithi ‘Mawila’ udlale umdlalo wakhe wokugqibela ngethuba iMorning Stars FC iqubisene neFuture Tigers, eGinsburg Stadium, kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.


“Kulo mdlalo, nekuthe kanti ibingowokugqibela kaMawila, yayinguye owayenxibe ibhanti leKapteni. Ukanti ikwanguye nowathi wafaka ipenela ngolu suku, kumdlalo esatyiwa kuwo ngo’5-4,” utshilo unozinti weMorning Stars FC, uMthunzi Ngcingane.

UNgcingane umncomile uMawila ngendlela yokuziphatha, kwanendlela ebebakhuthaza ngayo bengabadlali beli qela, watsho esithi ininzi into abazakumkhumbula ngayo lo mdlali.


“Silahlekelwe kakhulu, ayikholeleki eyokuba soze siphinde simbone, kwaye sidlale naye uMawila. Sathi sakuva ngokusweleka kwakhe singabadlali, yabambi iveki yethu yonke. Yayingakholeleki ingakumbi kuba usweleke ngeCawe, sabe sohlukene naye ngoMgqibelo ebusuku xa sasibuya emdlalweni eQonce,” utshilo uNgcingane.


Kanti isekela mqeqeshi leMorning Stars FC, uAnele Ntile, naye uwangqinile amazwi kaNgingane. “Ubeyinkokheli uMawethu, ekwalilo nejoni. Ebekwazi ukuphakamisa umoya wabanye abadlali. Besisithi xa sityiwe ibengathi nguye lo utyiweyo. Ebengumntu othetha ngokungafihlisiyo nongajikeleziyo. Xa sityiwe ubesitsho ngqo ukuba sityiswe nguwe bani.”


UNtile ukwancome italente ebenayo ebholeni lo mdlali, watsho esithi: “Usweleke kanye xa besisacinga ukumkhangelela umntu onokumncedisa esiswini, nanjengoko iyeyona ndawo sibetheka kuyo kakhulu,” wongeze ngelo uNtile.

UMawila udlalele amaqela afana neToronto Bush Buck, iBay United Academy kunye neLion City.


Ungcwtywa ngoMgqibelo, eBhayi.