Lamkelwe ngovuyo ungenelelo lweMotsepe Foundation ngabebhola

UGqirha Patrice Motsepe noGqirha Irvin Khoza.

Xa kuqala isizini entsha, iNational First Division iza kuqala phantsi kwegama litsha, iMotsepe Foundation Championship. Oku kuza emva kokuba kubhengezwe iMotsepe Foundation njengemxhasi omtsha endaweni yeGladAfrica. Konke oku kubhengezwe kwintlanganiso ekhawulezileyo yamajelo eendaba ebikhwetywe ngusihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza noGqirha Patrice Motsepe kwiveki ephelileyo. Ungenelelo lukaMotsepe luqhwatyelwe izandla ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngoba lubonwa njengento eza kufunqula imidlalo yeNational First Division edinga inkxaso-mali ngenxa yeendleko eziphezulu abanikazi bamaqela abangena kuzo.

UMotsepe nguMongameli weCAF, phambi koko ebengusihlalo weMamelodi Sundowns. Ngoku iMotsepe Foundation ixhasa iABC Motsepe League neMotsepe Foundation Championship ezingaphantsi kwiDStv Premiership ngokomgangatho. Nangona uMotsepe exakekiswe ziingxaki zebhola yeAfrika – kodwa akayekanga ukuncedisa iinkqubo zophuhliso eMzantsi Afrika.

Usihlalo weMotsepe Foundation, uGqirha Motsepe ukuchaze ukuxhasa iNational First Division njengesibophelelo ekuphuhliseni ibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika ukuze ikwazi ukukhula. “Inembali etyebileyo ibhola yaseMzantsi Afrika. Yaziwa jikelele ngokuvelisa abadlali abaqaqambileyo kwi-Afrika nakwihlabathi. Kuyasivuyisa thina kwiMotsepe Foundation ukwenza umahluko kuhlumo lwebhola ekhatywayo. Sifuna ukubona ibhola yaseMzantsi Afrika ikhula iqaqambe phakathi kwezinye izizwe,” utshilo uGqirha Motsepe.

Kwelinye icala, uGqirha Khoza, ulamkele ngezandla zozibini igalelo elenziwe yiMotsepe Foundation ebholeni yaseMzantsi Afrika. “Siyayibulela into esiyenzelwe yiMotsepe Foundation. Ndivuya kakhulu ngoba inkxaso yeMotsepe Foundation siyifumene nangona sifake isicelo sethu ngexesha elifutshane. Okwenziwe yiMotsepe Foundation kuza kunika iFirst National League ithuba lokuzimela kukhule nebhola yaseMzantsi Afrika,” utshilo uGqirha Khoza. Kanti yena uGqirha Precious Moloi-Motsepe uthe iMotsepe Foundation ixhasa ibhola ngoba ivelisa amathuba engqesho iphucule nentlalo yabantu.