Omnye wabalandeli beKaizer Chiefs abaphambili kwimicimbi yabalandeli kwi-East London Kaizer Chiefs Supporters Branch ulithembile iqela lakhe ukuba lakuthi lenze ngcono kule sizini.
USiyasanga “Sandla” Langeni waseGcuwa kodwa ohlala eMonti usibalisela ngendlela yakhe njengomlandeli weKhosi.
Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba.
Siyasanga “Sandla” Langeni: Ndiyabulela kakhulu Bhuti.
PM: Gqaba-gqaba, watsalwa yintoni apha kwiChiefs?
SL: Mna ndingatsho ukuthi ndikhulele ekhayeni eliyilandelayo ibhola ekhatywayo futhi elinabantu abathanda iChiefs.
Njengomntu okhule noosisi, iChiefs ibindinika la nto yokoyama. Kodwa eyona nto ibalulekileyo yimfundiso yaMakhosi: uthando noxolo, ezo zinto zindenza ndibambelele kakhulu kuwo.
PM: Kubaluleke ngantoni ukuzibandakanya namasebe abalandeli (Supporters Branches)?
SL: Kula masebe abalandeli siyafundisana ngeendlela zokwenza izinto, siyancedana kakhulu ngoba singabantu sahlukene: abanye abantu banezinto logama abanye behlelelekile.
Enye into emnandi kukuba isebe labalandeli yeyona ndawo ibalinganisayo abantu. Siyakholelwa kakhulu ekuncedaneni thina.
PM: Ulindele ntoni kwiChiefs kule sizini?
SL: Ndiqinisekile, kule sizini sizakuyifumana indebe yePSL. Kwezishiyekileyo ngoku singafumana ezimbini kule sizini. Sizakuqala ngeTelkom Knockout le.
PM: Kutheni abalandeli bengayi nje emidlalweni?
SL: Phakathi kweengxaki abahlangabezana nazo abalandeli bebhola yindlela yokuya emabaleni: phakathi evekini kunzima ukufumana izinto zokhwela eziya kwiindawo abahlala kuzo.
Lo mba ufuna kubekho ingxoxo phakathi kukarhulumente nabaphetheyo ebholeni. Enye into ebalekisa abantu yibhola enomtsalane edlalwayo ngamaqela akwiPSL kule mihla.
Oweendaba zesiXhosa kwiSABC1 utye utsiki