Larsen: Andixhalabanga kuba sisekhondweni elihle

Umqeqeshi weChippa United, uClinton Larsen, uthi akanalo nelincinci ixhala ngokuba izinto zisahamba ngokwezicwangciso umfanekiso: Kabelo Leputu/BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, liphantsi koxinizelelo kwakhona emva kokubethwa ngo’1-0 yiSuperSport United emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium kwiveki ephelileyo.

Emva kokuba iphulukene nomdlalo wokuqala phantsi kwesandla sikaClinton Larsen, iChippa ayikaphumi engxakini ngokuba umsantsa ophakathi kwayo neMaritzburg United esemsileni ngamanqaku amathathu qha.

Nakubeni kunjalo kodwa kubekho ukuphucuka eqeleni phantsi kwakhe uLarsen ngokuba walifumana lisekugqibeleni kwiPSL.

Emva kokuthatha iintambo, iChippa iphumelele imidlalo emibini, yadlala ntanganye kwemibini yabethwa komnye.

Xa izinto zingahambi kakuhle, usihlalo weChippa, uSiviwe Mpengesi, waziwa ngokugxotha abaqeqeshi, kodwa yena uLarsen uthi akanalo nelincinci ixhala ngokuba iqela lisaqokelela amanqaku ngokwendlela ekwakucwangciswe ngayo.

Njengokuba iChippa ingakwazanga ukuphumelela, uLarsen uthe akothukanga, futhi yinto ebisoloko ilindelekile ngokuba iqela belingeke lingabethwa kweminye imidlalo.

ULarsen uthe ukuvuka kweChippa emva kokubethwa yeyona nto ekumele iyenze ukuze ibonise ukuba liqela elinamandla.

“Kwiiveki ezintlanu ezidlulileyo, ndayithetha into ethi ikhona imidlalo esakubethwa kuyo, kodwa eyona nto ibalulekileyo kum kukuvuka emva kokubethwa. Andixhalabanga ngokuba sisesekhondweni elihle. Libala ngendawo esasikuyo kwiiveki ezintlanu ezigqithileyo ngokuba sasinalo ixhala ngoko. Sisaqhuba kakuhle, sikwazile ukuqokelela amanqaku asibhozo emidlalweni emihlanu. Sizimisele ukuqokelela amanqaku emdlalweni ozayo kuba ngomnye wemidlalo esasithe kufuneka sifumane amanqaku kuwo,” utshilo uLarsen ethetha neentatheli eMonti.

NgeCawe ngo’15:30, iChippa United kunyanzelekile ibuye nempumelelo eThohoyandou Stadium – apho iza kudibana neBlack Leopards esokolisayo xa idlalela ekhaya ukuze ikwazi ukulibaleka izembe.

Nayo iLeopards ifuna amanqaku ngokuba umahluko phakathi kwayo neMaritzburg ngamanqaku amahlanu kuphela.

ULarsen uvumile okukuba kunzima ukudlala eThohoyandou ngenxa yabalandeli – kodwa uthe abangeke bayoyike iLeopards.

“Kunzima ukudlala phaya ngenxa yabalandeli abagcwalisa ibala. Uxinizelelo luzakube likwiLeopards kwaye ingasinceda lo nto. Siza kuyihlonipha iLeopards kodwa ngeke siyoyike. Sibonisile kwiiveki ezidlulileyo ukuba singabetha nokuba leliphi iqela xa sidlala kakuhle,” utshilo uLarsen.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Highlands Park vs Baroka FC @Makhulong Stadium, 15:30; Polokwane City vs Golden Arrows @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Maritzburg United @FNB Stadium, 18:00; AmaZulu FC vs Bidvest Wits @King Zwelithini Stadium, 20:15

NgeCawe: SuperSport United vs Free State Stars @Lucas Moripe Stadium, 15:30