Le Clos ubuye ngamandla kwiFINA World Cup

Indadi yelizwe loMzantsi Afrika ehlonitshwa lihlabathi lonke, uChad le Clos, uzibambele imbasa yeGolide kumgama ongamakhulu amabini (200m) kwiFINA World Cup 2016 ngoMgqibelo odlulileyo eMoscow kwilizwe laseRussia.

Oku kwenzeka emva kweeveki ezimbalwa le ndodana ibuye eRio de Janeiro – apho bekubanjelwe khona imidlalo ye-Olimpiki ka’2016.

ULe Clos akakwazanga ukufumana iGolide njengoko uninzi lwabantu belulindele, mhlawumbi kungenxa yeengxaki zempilo ezambethe abazali bakhe, kodwa ukwazile ukubuya neeSilivere ezimbini.

Ngaphandle kwamathandabuzo le ndedeba iyivuyele kakhulu iGolide eyifumeneyo kumdyarho weendadi zehlabathi.

“Ndiyavuya kakhulu. Izinto zindihambele kakuhle emva kokuphumelela kabini.

Ukudada yinto endiyithandayo. Emva kwemidlalo yee-Olimpiki, ndingatsho ndithi ndikonwabele ukuba lapha eMoscow,” utshilo uLe Clos emva kwempumelelo yakhe.

Kwelinye icala, eBerlin, indadi yoMzantsi Afrika, uCameron van der Burg, ibambe indawo yokuqala kumgama olikhulu leemitha kwalapha kwiFINAL World Cup.