Lebo Mothiba: Siza kuphumelela ukuba siyamamela umqeqeshi

Lebo Mothiba of South Africa turns Mahmoud Alaa of Egypt during the 2019 Africa Cup of Nations Finals last 16 match between Egypt and South Africa at Cairo International Stadium in Cairo, Egypt on 06 July 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ifolosi
yaBafana Bafana, uLebo Mothiba, ayikhathazwa nakancinci kukunqatyelwa kwayo
ngamagowuli emidlalweni ye-Africa Cup of Nations. UMothiba, odlalela iqela
lebhola ekhatywayo laseFrance, ngomnye wabadlali abayidlale yonke imidlalo
yeqela lesizwe kwaye ulixhadi likaStuart Baxter. OkaMothiba wenze umsebenzi
oncomekayo ngokunikela uThembinkosi Lorch ibhola entle encede uMzantsi Afrika
obethe iEgypt ngegowuli elinye eqandeni (1-0) eCairo Stadium kwiveki ephelileyo.
Eyona nto ibalulekileyo kuMothiba ngumsebenzi owenziwa liqela lonke – hayi iziqu.
“Umsebenzi obalulekileyo ngowethu siliqela. Amagowuli ayeza. Ixesha lawo liyeza.
Into esemqoka kukubambisana singabadlali siphumelele nemidlalo. Amagowuli aza
kuvela. Ukunqaba kwawo akundixhalabisi konke konke,” utshilo uMothiba.

                                     

                                                      Tarek Hamed of Egypt is challenged by Lebo Mothiba of South Africa. Photo: Ryan Wilkisky/BackpagePix

UMzantsi
Afrika uza kuvana amandla neNigeria emdlalweni we-Afcon obalulekileyo
ngentsimbi yethoba ebusuku namhlanje. ABafana Bafana badlulele kwiTop 16
ye-Afcon emva kokukhupha iEgypt emdlalweni obusebusuku bangoMgqibelo
ogqithileyo. Kanti yona iSuper Eagles (Nigeria) yenze ezibukwayo ngethuba
ibetha iCameroon ngo’3-2 emdlalweni ehambe emva kuwo ekuqaleni. Kulindeleke
uMothiba abe yinxalenye yeqela likaBaxter emdlalweni wanamhlanje. “Umdlalo uza
kwahluka ngoba iNigeria ayifani ne-Egypt. Andiqinisekanga nokuba umdlalo wayo
ubaleka nje ngoweYiphutha na. Into ekufanele sigxile kuyo kakhulu yinto ekumele
siyenze emdlalweni. Ukuba simamela into esiyixelelwa ngumqeqeshi wethu, siza
kuphumelela,” utshilo uMothiba ofake amagowuli amane emidlalweni emithandathi
ayidlalele aBafana Bafana phambi kwe-Afcon.

                                          

Abalandeli bebhola
baligxeka iqela lesizwe emva kokubethwa emidlalweni emibini kaGroup D – kanti aboneleliseka
nayindlela eladlala ngayo ngethuba libetha iNamibia ngo’1-0. Naye uMothiba
ugxekiwe kakhulu ngokungakwazi ukufaka amagowuli emidlalweni. “Ukuba ungamamela
izinto ezithethwa ngabantu, soze uye phambili ebomini. Yiyo lo nto
ndingazikhathazi ngokufunda okanye ndimamele abantu abathetha kakubi ngam.
Ndimamela abantu abathetha izinto ezakhayo kuphela. Into ekufuneka siyenze
kukubeka iingqondo zethu emdlalweni. Akufuneki sicinge ukuba ngeke sikwazi
ukubetha iNigeria. Sayibetha emdlalweni wokuqala, kowesibini sadlala ntanganye
nayo. Lo nto iyabonisa ukuba akukho nto enganakwenzeka ebholeni,” uvale ngaloo
mazwi uMothiba.