Leliphi eliya kugoduka neR7-m yeNedbank?

UFadlu Davids ongumqeqeshi weMaritzburg United

Amaqela amabini adlale ngeyona ndlela incomekayo kwisizini ka2017/18 afumana ithuba lokulwela isityhwentywe sezigidi ezisixhenxe zonke zerandi (R7-million).

Iqela laseMgungundlovu, iMaritzburg United, liza kudibana neFree State Stars kumdlalo weNedbank Cup okulindeleke ukuba utak’iintlantsi eCape Town Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoMgqibelo.

Ukusiwa komdlalo wokugqibela weNedbank Cup kwaqhwatyelwa izandla futhi kwavuyelwa ngabantu baseKapa ngoba inexesha elide ingalinikwa ithuba lokusingatha imidlalo ebalulekileyo efana nalo.

Njengokuba la maqela mabini esilwela indebe, aya kulo mdlalo wempelaveki ezimisele ngeyona ndlela. IFree State Stars yagqibela ngo’94 ngethuba iphumelela indebe yeCoca Cola – kanti yona iTeam of Choice zange yayifumana indebe kwimiyaka elishumi elinesihlanu idlala kwiPSL.

Enye into enika umdla ngakumbi ngalo mdlalo uzayo kukuba amaqela aqeqeshwa nguFadlu Davids noLuc Eymael – abanye babaqeqeshi abenze umsebenzi omhle kakhulu kwiPSL kwisizini ka2017/18.

IMaritzburg United ibethe amaqela afana neMamelodi Sundowns, iBloemfontein Celtic neRoyal Eagles ukuze ifikelele kumdlalo wokugqibela.

IFree State yona izibethe amaqela afana neKaizer Chiefs, Ubuntu Cape Town neChippa United. Nangona la maqela engenabalandeli abaninzi – kodwa indlela adlala ngayo kakuhle kulindeleke ibe yiyo etsala abalandeli bebhola ekhatywayo.

Umdlali weUnited, uSiyanda Xulu, uxelele iSolezwe ukuba iqela lakhe liwulungele ngokupheleleyo umdlalo weNedbank.

“Lona umdlalo ubalulekile kuthi. Ndifuna ukwenza kakuhle kuwo ukuze liphumelele iqela. Akukho nto siza kuyitshintsha kwindlela esiqhele ukudlala ngayo. Ukuphumelela kwethu indebe kwakusinika uvuyo olukhulu. Ndim noBevan Fransman kuphela abanamava wokudlala kwimidlalo yamagqibela kankqoyi. Lo nto ithetha ukuthi yinto enkulu kakhulu kwabanye abadlali,” utshilo uXulu.

UFransman noXulu kulindeleke benze umahluko ngenxa yamava abawafumene kumaqela abawadlalela kwiminyaka eyadlulayo.