Leliphi eliza kuphumelela iCarling Knockout?

Kulindeleke ukuba kubekho iintshatsheli ezintsha zeCarling Knockout ngempelaveki xa kudibana iStellenbosch FC neTS Galaxy emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Noxa abantu abaninzi besoloko belangazelela kudibane amaqela amakhulu emidlalweni enje ngalo wendebe – kodwa okunika umdla kakhulu ngamaqela aza kulwela indebe yeCarling Knockout kulo nyaka kukuba ayinxanelwe indebe.

Ukuwisa kwawo amaqela amakhulu endleleni eya emdlalweni wokugqibela iyicacisa gca lo nto. IStellenboch ivuthulule iRichards Bay ngo’3-0 emdlalweni ogqithileyo. Kanti yona iTS Galaxy ibethe AmaZulu ngo’3-2 emdlalweni onzima eMoses Mabhida Stadium ebuyela kuyo kwakhona.

Kokokuqala iStellenbosch ifumana ithuba elicacileyo lokulwela ukuphumelela indebe ukusukela oko yafika kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo. Yona iTS Galaxy izingela indebe yesibini.

Kwiminyaka edlulileyo, yabetha iChiefs yaphumelela indebe yeNedbank isadlala kwinqanaba elingezantsi. Umdlalo wangoMgqibelo ubaluleke kakhulu kumqeqeshi ofana noSead Ramovic osakhangela indebe yakhe yokuqala eMzantsi Afrika.

Nangona uRamovic engumntu ofuna ukuphumelela indebe yeDStv Premiership – kodwa ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokuphumelela iCarling Knockout ngoba lo nto ingayifunqula iTS Galaxy ezibalule ngokubetha amaqela amakhulu.

Noxa iStellenbosch ilushica futhi iyingozi phambi kweepali – kodwa ukuba iyivumele iTS Galaxy ifumane igowuli kuqala, iza kusokola kakhulu. Kwelinye icala, uSteve Barker yindoda ezenzele igama ngokwakha iqela eliyingozi. Kodwa ifuna liphumelele indebe ngoku.

Uya emdlalweni wangempelaveki efuna indebe emva kokukhubeka kabini kwisithuba nje sonyaka sele ekufutshane kuyo. “Yinto enkulu kakhulu ukufukelela kwisigaba sokugqibela sendebe. Injongo yethu kukuyiphumelela,” utshilo uBarker echayitile emva kokuba iqela lakhe libethe iRichards Bay.