Leliphi iqela eliza kuphumelela indebe yePSL?

Idabi lokulwela indebe phakathi kweMamelodi Sundowns neOrlando Pirates liqhubela phambili ngempelaveki xa kudlalwa imidlalo yokuvala isizini yePSL ka2018/19

Idabi lokuphumelela indebe yeAbsa Premier Soccer League lifikelela esiphelweni ngempelaveki.

Nangona iMamelodi Sundowns ithe ngcu enkcochoyini yePSL emva kokubetha iLamontville Golden Arrows ngamagowuli amabini (2-0) emdlalweni obungoLwesibini wale veki – kodwa kusenzima ukuthi yiyo eza kuphumelela indebe ngoba kunokwenzeka nantoni ngempelaveki.

Amasandawana aqokelele amashumi amahlanu anesithandathu amanqaku emva kwemidlalo engamashumi amabini anesithoba. Ashiya iOrlando Pirates, efuthela emagxeni kwindawo yesibini ngamanqaku amabini qha.

Umqeqeshi wePirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, uzikrwempa intloko into engenasiphelo ngenxa yeqela lakhe elilahle amanqaku amathathu sele esengxoweni emdlalweni obuphakathi kweqela lakhe neCape Town City ophele ebambene ngo’2-2.

Ukukhusela indebe yeyona nto enokuxolisa iSundowns ngoku emva kokukhutshwa kweSundowns kwiCaf Champions League ebinethemba lokuyiphumelela.

Iya emdlalweni wokugqibela ityhala ngesifuba ngenxa yokudinwa kwabadlali abadlale imidlalo emininzi ukusukela kunyaka ophelileyo, ngokokutsho kukaPitso Mosimane.

“Kufuneka siwuphumelele umdlalo wokugqibela,” utshilo uMosimane ethetha kwiSuperSport TV emva komdlalo.

Ubancomile kwakhona umqeqeshi weSundowns abadlali bakhe ngokukwazi ukuqubisana nemidlalo enzima bediniwe ukuzothi ga kwisigaba sokugqibela sesizini.

Yena kwelakhe icala uMicho uthe ngeke iqela lakhe linikezele kude kube sekugqibeleni emva kokuphosa ithuba elihle lokubambelela phezulu kwiPSL.

Emva kokudlala kakuhle kule sizini, iPirates bekufanele kubekho into eyifumanayo.

Inokwenzeka lo nto ngoku xa inokubetha iPolokwane City emdlalweni oza kube useOrlando Stadium kodwa kwakufuneka kwelinye icala iSundowns ibethwe yiFree State Stars. Yinto enzima kakhulu leyo ngoba iDowns ifuna ukuphakamisa indebe nayo.

“Besifuna ukuwuphumelela umdlalo kodwa ayenzekanga lo nto. Siphoxekile kakhulu. Ngoku kufuneka sibeke iingqondo zethu kwiPolokwane ekufuneka siyihlasele emdlalweni. Sifuna ukudibanisa amashumi amahlanu anesixhenxe amanqaku ukuba siyayifumana indebe, sakuyibona xa isenzeka lo nto,” utshilo uMicho kwiintatheli eKapa kwiveki ephelileyo.

Imidlalo yePSL

NgoMgqibelo: Orlando Pirates vs Polokwane City @Orlando Stadium, Black Leopards vs Cape Town City @Old Peter Mokaba, Bloemfontein Celtic vs AmaZulu @Dr Molemela Stadium, Golden Arrows vs Bidvest Wits @Princess Magogo, Free State Stars vs Mamelodi Sundowns @Goble Park, Chippa vs Chiefs @Nelson Mandela Stadium, Baroka FC vs Maritzburg United @Peter Mokaba, SuperSport vs Highlands Park @Lucas Moripe.