Lerato Manzini uthi kunyanzelekile iChippa United iwuphumelele umdlalo wanamhlanje

Lerato Manzini of Chippa United challenged by Lehlohonolo Nonyane of Bidvest Wits during the 2019 Nedbank Cup Quarter Final match between Bidvest Wits and Chippa United on the 30 March 2019 at Bidvest Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umdlali waphambili kwiChippa United, uLerato Manzini, uthi kufuneka iqela lakhe liqinise indlela elidlala ngayo ukuze likwazi ukuphepha izembe kule isizini. Iqela likaClinton Larsen lidibana neBidvest Wits emdlalweni we-Absa Premiere Soccer League obalulekileyo ozakube useNelson Mandela Bay Stadium namhlanje ngentsimbi yesibhozo ebusuku (20:00). Nangona iChippa United ikwazil ukuwuphumelela umdlalo ebethe kuwo AmaZulu ngegowuli elifakwe ngu-Andile Mbenyane kwiveki ephelileyo eKing Zwelithini Stadium – kodwa kufuneka iphumelele neminye imidlalo ngoba ayikaphumi engxakini. IChippa ihleli kwindawo yeshumi alinesithathu kwiPSL emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amabini anesine (24) emidlalweni engamashumi amabini anesihlanu. Emva kwayo kulandela iBaroka FC neFree State ezinamanqaku alingana nawayo.

UManzini uxelele eli phephandaba okokuba abadlali bayayazi ingxaki elikuyo iqela kwaye bakulungele ukudlala neWits abayikhuphe kwiNedbank Cup kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. “Amalungiselelo womdlalo wangomso ahamba kakuhle kakhulu. Akukho ngxaki eqeleni lethu ngoba bonke abadlali baphilile. Indawo elikuyo iqela yinto ehleli isezingqondweni zethu – kodwa umqeqeshi usoloko esithi kuthi masingazikhathazi ngezinye izinto ngoba lo nto ingachaphazela kakhulu indlela esidlala ngayo ebaleni. Ndicinga ukuba singaphumelela imidlalo emibini kule ishiyekileyo imidlalo, uxinizelelo lungehla kuthi. Kodwa ke kufuneka siqhubele phambili nokulwela amanqaku ukuze iqela likwazi ukuphepha izembe,” utshilo uManzini.

Umdlalo wangomso kulindeleke ubenzima ngoba umqeqeshi weWits, uGavin Hunt, usenethemba lokulwela indawo ephezulu kwiPSL noxa iqela lakhe lingadlalanga kakuhle kwimidlalo edlulileyo. IWits ihleli kwindawo yesithathu kwiPSL, inamanqaku angamashumi amane nanye (41) emva kwemidlalo engamashumi amabini anesihlanu (25). UManzini uthi abadlali beqela lakhe bayakwazi okulindelekileyo kwiWits. “Umdlalo wangomso (Namhlanje ngoLwesihlanu) uyafana neminye kuthi. Siyibethile iWits emdlalweni weNedbank. Indlela edlala ngayo siyayazi ngoba yona idlalela ukufumana amanqaku kuphela. Kufuneka sizimisele emdlalweni ngoba kufuneka siwafumene amanqaku amathathu. Kunyanzelekile siphumelele emdlalweni wangomso,” utshilo uManzini.