Libuyise izitya iBhakaniya enkundleni yalo

Bernard Morrison of Orlando Pirates celebrates goal with teammates during the Nedbank Cup Last 32 match between Orlando Pirates and Ajax Cape Town on 10 February 2018 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abadlali
be-Ajax Cape
Town
baphume ebaleni bethe khunubembe emva kokuquthiswa
yi-Orlando Pirates ngo’2-0 kumdlalo weNedbank obumhle kakhulu e-Orlando Stadium
kobu busuku banamhlanje. Amagowuli amabini amahle afakwe yifolosi yaseGhana
ebiqala ukudlala kulo nyaka, uBernard Morrison, ancede iBhakaniya ngethuba
libuyisa izitya kwi-Ajax enkundleni yalo.

Ngoku iPirates
idlulele phambili kolu khuphiswano ngokufanayo neMamelodi Sundowns, iChippa
United, iMaritzburg United namanye amaqela athe azibekela indawo kumjikelo
wesibini weNedbank Cup. Umqeqeshi weBucs, uSredojevic Milutin, uqale umdlalo
ngabadlali abangaqhelanga kudlala abafana noSiyabonga Mpontshane, uHappy Jele,
uDiamond Thopola, u-Issa Sarr noBernard Morrison. Lo nto isebenzile ngoba
phambili uJustin Shonga noMorrison bayigcine ixakekile i-Ajax Cape
Town phantse iziqingatha zozibini.

Bazamile
ukuhlanganisa iibhola abadlali bakaMuhsin Ertugral – kodwa abakwazanga ukubeka
ibhola emnatheni ngenza yokufuthanyiselwa yiPirates ebizixelele ukuba
ayinakubethwa amatyeli alandelelanayo yi-Ajax. Ebekhona loo mathuba ebemane
entaluza okwamaqam omqombothi –  uHappy
Jele nguye obeqinisekisa ukuba akukho nto idlulayo. UTendai Ndoro, obenze
idemesha kumdlalo ebethwe kuwo iPirates ngo’3-0 kutshanje, khange akwazi
ukwenza umahluko kulo umdlalo njengokuba bekulindelekile. Ukubethwa kwayo
i-Ajax kuyinika ithuba lokuba ijongane nemidlalo yePSL kuphela ngoku. Kanti ukuphumelela
kwayo yona iPirates kuzindaba ezimnandi kubalandeli nakumqeqeshi ozama indebe
yakhe yokuqala ukusukela oko efikile. Le mpumelelo izakuba yinkuthazo kwiBucs
enamaxesha okugqwidiza seyiqhuba kakuhle emidlalo yayo.

Orlando Pirates:
Mpontshane, Jele, Nyauza, Maphanga, Thopola, Shitolo, Sarr, Munetsi, Morrison,
Lorch, Shonga.

Amalalela: Sandilands, Chabalala, Maela, Mlambo,
Memela, Foster, Gabuza.

Ajax Cape Town: February, Pietersen, Booysen, Gaxa, Zwane, Sasman, Takwara,
Margeman, Lakay, Kabwe, Ndoro.

Amalalela: Petersen, Morris, Nhlapo, Kammies,
Pholongo, Julies.