Ayifikanga igalelekile itumente yehlabathi yombhoxo wamanenekazi. Ukusukela ngoMgqibelo umhla wesibhozo, amawakawaka abalandeli bombhoxo baza konwabela imidlalo yamazwe ehlabathi eswantsulisana kweyona tumente inkulu eNew Zealand. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo, iSpringbok Women, liza kudibana etshatshalazeli neFrance emdlalweni ongoMgqibelo (ngomso). Lityeli lesithathu iSpringbok Women sithatha inxaxheba kwitumente yehlabathi. Zange ziwuhambele kakuhle izinto kweyokuqala – kodwa ngoku uNolusindiso Booi ubetha phantsi ngenqindi ngelithi lifikile ixesha lokuziqaqambisa koMzantsi Afrika embhoxweni wamanenekazi.
UBooi uthe wayekhona kwitumente yokuqala kodwa wayesemtsha embhoxweni, uya kule ukhona umahluko ngoba ungomnye wabadlali abanexesha elide bedlalela iSpringbok Women. “Le yeyona ndiyivayo kunezinye ngoba sendikhulile ngokwasemdlalweni kwaye ndiyayazi nendlela iqela eliyihambileyo ukuze lifike kwindawo elikuyo ngoku,” utshilo uBooi. “Ngoku ndiyayazi indlela ebaluleke ngayo le tumente nendlela engawufunqula ngayo umbhoxo wamanenekazi ekhaya eMzantsi Afrika xa izinto zinokusihambela kakuhle. Ukwenza kwethu kakuhle kwitumente yehlabathu ikholelwa kwelokuba kungawakhuthaza amantombazana aselula ekhaya futhi bangabona ukuba likhona ikamba elihle xa umntu ekhethe ukudlala umbhoxo.
“Eli lithuba lethu lokuziqaqambisa nyhani,” utshilo uBooi kwindibano yooKapteni abebedibenele eAuckland, eNew Zealand, ekuqaleni kwale veki. Kumaqela alishumi elinambini aza kudlala itumente yalo nyaka, uMzantsi Afrika awukho phakathi kwamaqela anikwa ithuba lokuphumelela indebe. Amaqela anamandla embhoxweni yiNgilane neFrance – kodwa uMzantsi Afrika unabo abadlali abanokuyiguqula lo nto. “Sakube sidlalela ilizwe lethu. Kufuneka senze umsebenzi obonakalayo ngaphezulu kokucula umhobe wesizwe nokubaleka ebaleni. Kufuneka sibabuyekeze abantu abasibukeleyo ngoMgqibelo. Siyazi ukuba iFrance inamandla – kodwa ke nathi inawo amandla,” utshilo uBooi.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!