Lifikile ixesha lokuvuka kweSouthern Kings

Emidlalweni esibhozo edlalwe yiSouthern Kings kwiPRO 14, mnye tshu umdlalo ekwazileyo ukuwuphumelela kule sizini.

Lo nto ibeka iqela lomboxo laseMpuma Koloni endaweni yeshumi elinesine kwiPRO 14. Nangani itsala nzima iKings – kodwa inethuba lokubuyisa isidima sombhoxo waseMpuma Koloni xa idibana neToyota Cheetahs emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu eNelson Mandela Bay Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

IKings neCheetahs kuphela kwamaqela alapha eMzantsi Afrika adlala kwiPRO 14.

Ukudlalela phambi kwabalandeli bayo, yinto ekulindeleke iyincede iKings xa idlala neCheetahs esele iphumelele imidlalo emine yonke kwesibhozo eyidlalileyo kule sizini.

Abadlali beKings baza kuya emdlalweni wempelaveki behlaziyekile emva kokubetha iStormers ngo’13-3 emdlalweni wokucweya obuseLoerie Park Stadium, eKnysna, kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.

Ukudlala neCheetahs eqhuba kakuhle ngeke ibe ngumsebenzi okhaphukhaphu, kodwa umqeqeshi obebambele, uVuyo Zangqa, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ababethe iStormers esiqhube kakuhle kwiSuper Hero Sunday ebibanjelwe eFNB Stadium kwiCawe ephelileyo.

“Imozulu khange isiphazamise kwaphela. Ubumanzi siqhelene nabo xa sidlala imidlalo yePRO 14. Kuhle ngoba abadlali bakwazile ukuyithintela indlela esiqhele ukudlala ngayo umbhoxo iStormers. Abadlali bethu basemva badlale kakuhle kakhulu. Kuyasivuyisa ukubona indlela iqela eliwuphethe ngayo umdlalo. Sizama ukwakha iqela kwaye sinethemba lokuba kuyakuqhubeka nakwimidlalo ezayo kule sizini,” utshilo uZangqa.

Emidlalweni emithathu eyidlalele ekhaya, iKings ibethwe yiMunster, iCardiff Blues neUlster.

Abalandeli banethemba lokuba uRobbi Kempson nabadlali bakhe baya kuthi babuyise isidima sombhoxo waseMpuma Koloni esehlileyo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweqela.