Likhona ithemba kuMthatha Bucks

Iqela laseMthatha elidlala kwiNationa First Division lize kakubi phantsi komqeqeshi wayo, uVelile Dyaloyi oqeshwe ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo.

UMthatha Bucks awuqalanga sizini yawo yokuqala kwinqanaba leNFD emva kokonyuselwa phakathi kunyaka ophelileyo. Nangona lisatsala nzima, kodwa ukufika kukaDyaloyi, oyena mqeqeshi unamava othe wafunyanwa leli qela kunyaka ophelileyo, kukhangeleka ngathi angalisindisa ezembeni.

Eli themba liqine ngakumbi emva kokuba iBucks izibethele iqela laseKapa, iSantos, kumdlalo obudlalelwa e-Athlone Stadium emalanga ngoLwesibini.

Amathol’a mnyama aye kwixesha lokuphumla kulo mdlalo ehamba phambili ngegowuli elinye, kwaye kucaca ukuba afuna impumelelo.

Ifake igowuli layo lesibini layo lempumelelo iMthatha Bucks, kodwa ethubeni nayo iSantos iye yalifumana elayo igowuli lokubika.

Ngoku iBucks isukile phaya emsileni emva kwale mpumelelo. Amakhwenke kaDyaloyi azakuzama ukuqokelela amanye amanqaku amathathu kumdlalo wawo ne-African Warriors ozakube useMthatha Stadium ngeCawe emalanga.

Ukuba eli qela lifumana impumelelo kwakhona lo nto iyakubuyisa ukuzithemba ngakumbi kwesi sigaba sesibini sesizini yeNFD.