Iqela laseMpuma Koloni ekuphela kwalo kwiNational First Division, uMthatha Bucks, unethuba elicacileyo ngoku lokuhlala kweli nqanaba emva kokufumana impumelelo ebalulekileyo ngempelaveki.
Amathol’amnyama abethe iCaoe Town All Stars ngo’1-0 emva koko axhuma ayohlala kwindawo yeshumi elinambini. Emva kwamashumi amabini anesixhenxe emidlalo, iBucks inamanqaku angamashumi amabini anesithandathu, ngoku ifuna nje ukuphumelela umdlalo ubemnye ukuze ikwazi ukuqinisekisa indawo yayo kwiNFD.
Eli qela laseMthatha liqale ngokusokola kakhulu kodwa izinto zibengcono kwakufika uVelile Dyaloyi.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates