Ukaputeni we-Orlando Pirates, uThabo Matlaba, uyavuya njengokuba iqela lakhe livale isizini liphakathi kwalawo azakuthi adlale iMTN 8 kwisizini ezayo.
AmaBhakaniya aphise ngomdlalo ngemizuzu yokugqibela ngethuba eyeka iSuperSport United ifake amagowuli kumdlalo ophele ngo’2-2 e-Orlando Stadium. Amagowuli afakwe nguSifiso Myeni noMpho Makola bekufanel’ukuba ancede iPirates yavala isizini isendaweni ebhetele, kodwa abadlali bayo bayeke uBradley Grobler noDenwin Farmer mayicime yonke lo nto. UMatlaba uvumile ukuba ngenene iziphumo zomdlalo yinto ebebengayifuni, kodwa watsho esithi bayavuya njengokuba bezakudlala kwiMTN 8 kwisizini ezayo. “Ewe, umsebenzi siwenzile. Besifuna ukuphumelela ukuze siqinisekise indawo yethu kwiMTN 8,” utshilo uMatlaba. La maqela mabini azakuphinda adibane kumdlalo omkhulu weNedbank Cup.
Omabini asebenzela ukuvala isizini enento ekhabhathini. “Kufuneka sifunde ukuqwalasela emdlalweni kude kube sekugqibeleni. ISuperSport United liqela elidlala kakuhle kakhulu,” utshilo uMatlaba.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!