Lilifa lamaxhalanga uVirgil

Unozinti weKaizer Chiefs, uVirgil Vries, ube lixhoba lokuhewulwa ngabalandeli emdlalweni obuseBhayi ngenxa yeempazamo awazenza emidlalweni yangaphambili. umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Unozinti weKaizer Chiefs, uVirgil Vries, kuza kufuneka aqine ngoba akanaye umthetheleli.

UVries akathandwa ncam ngabalandeli beChiefs emva kweempazamo azenzileyo emidlalweni emibini.

Ezo mpazamo zamcaphukisa nomqeqeshi wakhe uErnst Middendorp – owavakalisa ukungonwabi kwakhe kwade kwanyanzeleka ukuba iChiefs ithenge uDaniel Akpeyi kwiChippa United.

Kwiveki ephelileyo, uVries ube lixhoba lokuhewulwa kakubi ngabalandeli ngethuba konzakele uBruce Bvuma emdlalweni weNedbank Cup ophunyelelwe yiChiefs ebethe iThe Magic FC ngo’3-0 kwixesha lokuphumla eNelson Mandela Bay Stadium.

Abalandeli beChiefs babebahewula abadlali ngethuba iqeqeshwa nguStuart Baxter noSteve Komphela.

Bobabini abo baqeqeshi babebakhusela abadlali babo, kodwa yena uMiddendorp uthi kulungile abe lilifa lamaxhalanga uVries.

UVries uhewulwe ngabalandeli yade iChiefs yathumela abadlali ababini ngelizama ukumkhusela.

Nangona kunjalo, uMiddendorp wothuse iintatheli ngokuthi khange ayibone into eyenziwe ngabalandeli kunozinti wakhe.

Ukuxwaxwa ngabalandeli yenye yezinto ezibulala ukuzithemba ebadlalini, kodwa umqeqeshi weChiefs uthi akaboni kwanto embi xa abalandeli bexwaxwa umdlali wakhe.

“Andibonanga nto mna ngoba ingqondo yam ibisemdlalweni. Yinto eqhelekileyo, yindlela ababonakalisa imvakalelo yabo ngayo. Akukho nto imbi apho. Xa ungumdlali othe wenza kakuhle okanye kakubi – abalandeli baye babenendlela abavakalelwa ngayo. Into ebibalulekile kuthi kukuba xa unozinti osebaleni enengxaki, okhoyo makakulungele ukungena ebaleni,” utshilo uMiddendorp emva komdlalo eBhayi.

Okuye kwacaca kukuba uMiddendorp ngeke amkhusele uVries kuba esithi ukuxwaxwa ngabalandeli yinto ekufanele ayamkele emva kokwenza iimpazamo.

Kodwa kwayena umqeqeshi akafunanga ukugxeka abadlali abangakwazanga ukufaka amagowuli kwiMagic FC emdlalweni weNedbank Cup. Amakhosi anomdlalo onzima ngempelaveki.

Adibana nePolokwane City emdlalweni weAbsa Premier Soccer League oza kube usePeter Mokaba Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo. Kufuneka abadlali beChiefs bayiphucule indlela abadlala ngayo ngoba iCity ikhuthazekile emva kokudlala ntanganye ngo’1-1 neMamelodi Sundowns ngoLwesibini wale veki.