Limangalisekile iqhawe leCroatia kwindebe yehlabathi

Mario Mandzukic of Croatia (2R) scores the 2-1 during the FIFA World Cup 2018 semi final soccer match between Croatia and England in Moscow, Russia, 11 July 2018. By: FELIPE TRUEBA / EPA

Abadlali beCroatia
bayichaze ngeendlela ezohlukeneyo impumelelo abayizuzileyo ukuzothi ga ngoku
kwindebe yehlabathi. Ilizwe laseCroatia lifikelele kwisigaba sokugqibela
kwindebe yehlabathi emva kokubetha iNgilane ngo’2-1 kumdlalo obuseLuzhniki
Stadium kubusuku bangoLwesithathu kule veki. UMario Mandzukic uya kuhlala ehleli
kwimbali yebhola ekhatywayo nakowabo njengoyena mdlali owafaka igowuli elihle elathatha
iCroatia layibeka kumdlalo obalulekileyo kwindebe yehlabathi. Abadlali
beCroatia babonise amandla nokuzimisela kwabo okungumangaliso emdlalweni
ngokuthi bafumane igowuli lokulinganisa elafakwa ngu-Ivan Perisic emva
kweleNgilane elafakwa nguKieran Trippier kumzuzu wesihlanu umdlalo uqalile.

Ngoku ilizwe
laseCroatia lilungiselela ukudlala umdlalo wokuvala indebe yehlabathi okokuqala
– kodwa kwangaxeshanye, ligxeleshe impumelelo nakubeni liza kudibana neFrance
eneenjongo ezifanayo. UMandzukic, 32, ngomnye wabadlali exhathise ngabo
iCroatia ukusukela ekuqaleni kwetumente. Ukufikelela kwelizwe lakhe kumdlalo
wamagqibela kankqoyi kuchazwe njengommangaliso nguMario Mandzukic. “Lo
ngummangaliso. Ngamaqela akhaliphileyo kuphela akwaziyo ukulwa ade aphumelele elandela
ngasemva xa edlala namazwe afana neNgilane. Sidlale ngokuzinikela okukhulu kule
tumente ukusukela ekuqaleni,” utshilo uMandzukic.

Le ndedeba
yenye yamadoda ekuthenjelwe ngawo ngumqeqeshi nekulindeleke ukuba yenze
ezibukwayo kumdlalo wokugqibela xa iCroatia izakube izama ukuqethula iFrance
emdlalweni ngeCawe emalanga. “Indlela endidlale ngayo kwimidlalo yethu yonke
iya ndichulumancisa kakhulu. Ndiyayithanda imidlalo esiyidlalayo. Kwimidlalo
esayidlala neDenmark neRussia sasiphantsi koxinizelelo – kodwa nizibonele into
eyenzekileyo namhlanje. Silwe okweengonyama namhlanje kwaye sizimisele ukwenza
into efanayo kumdlalo wokugqibela. Besiwonwabele umdlalo,” utshilo uMandzukic
emva komdlalo ngoLwesithathu.